Oyintombi nto unephupha lokuxhobisa abanye

Uneminyaka elishumi elinesithandathu kuphela ezelwe, kodwa sele ezigqamisela igama lakhe, kwaye uthi ungowokuqala nokuba nombongo otyatyadula utyabeka ongasekhoyo owayesakuba nguMongameli weli uRholihlahla Nelson Mandela. Leyo yintwazana yaseNgqamakhwe, uInako Mateza, oyimbongi kwaye ozidlayo nangobuntombi bakhe.

Le ntwazana yenza uGrade11 kwisikolo iXolilizwe S.S.S esikwiKomkhulu laseNqadu kuGatyane. Ithi izibona inenyhweba ngokuba yinxalenye nenkciyo isencinci kakhulu ngokweminyaka kuba oku kubonisa ubomi ngenye indlela. UMateza uthi akabethelwa nangu-do xa iintanga zakhe esele zinamaqabane zibalisa. Uthi kwiminyaka ezayo uzibona engomnye wabaququzeleli bemisitho ejongene nokukhulisa kwanokuxhobisa abantwana abangamantombazana abasakhulayo.

“Okundenza ndibe nala maphupho kukuba ilizwe esiphila kulo aliseyiyo la nto lalikade liyiyo ngexesha loomkhulu bethu. Ilizwe liyaphalala, abantwana bomgquba abazeki mzekweni, batsibe ilitye likaPhungela. Ndakubafundisa ngezinto zamandulo nam endifundiswa ngazo kwinkciyo, ngokwenza njalo ndiyathemba abo babini nabathathu bavileyo nabo bangalwenza utshintsho,” utshilo uMateza.

Uthi uqale ukuzibandakanya nemisitho yenkciyo kwanezinto ezidibanisa nezithethe namasiko ngonyaka ka2016 eselula kakhulu ngokweminyaka. Le ntwazana ithi yafakwa ngutitshalakazi wayo isekumabanga aphantsi eNgubethole Bam J.S.S eDutywa kuba wayembona ubukrelekrele bakhe kwanokuzimisela kwakhe ngobom.

UMateza uqhube wathi omnye woonobangela wokuzibandakanya nenkciyo phantsi kweliso likaNasizo Mndende yayikukuzama ukuzikhwebula ekubeni angakhulelwa esemncinci kuba oko kuye kubangele omnye aphele eyeka esikolweni. Uthi ukwafuna nokubonisa ukuba xa ungekabinandoda oko akusosono, koko kukuzinika ixabiso. Uthi uza kuzigcina de abe neminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala.

Umyalezo kaMateza koogxa bakhe abasakhulayo uthi kubalulekile ukuzingca njentombi engekaphathwa mfana, usinda kwizinto ezininzi ebomini. Uthi akukhonto imnandi njengokuhlolwa kwaye ube uzazi ukuba awunalo ixhala ngenxa yohlobo oziphethe ngalo.

UMateza sele ephumelele imbasa ngo2019 njengeyona mbongi igqwesileyo yephondo. Ngo2020 ebevula umsitho weHeritage Day wephondo. UMateza uthi sele enalo nethuba lokuhlala nembongi eyaziwayo uJessica Mbangeni.