#Spitch ndinengxaki…

#SPITCH Yhuu khawuncede! Nditshate nale ndoda ndinabantwana ababini. Ingxaki kukuba undixabanisa nabantwana bam ukwiCompetition nabo sihlala sonke, uyatsho sisonke uba umamakho Girl akakuthandi uthanda uBoy. Le nto yenza ithanda elikhulu kuthi, sendicinga nomshiya ndiyozihlalela neentsana zam.

IMPENDULO: Sisi, phuma apho! Noko yinkohlakalo negqithisileyo leyo. Akekho umzali onokwenza into embi olo hlobo. Kucace gca ukuba le ndoda yakho ayinabuzali kunjalo nje ayithandi nabo bantwana bakho. Wena ke uxanduva lwakho njengomzali, kukukhetha abantwana bakho rhoqo, nokuba sekumnandi kangakanani na.

#Spitch Ndingumakoti okwi 5 years esemtshatweni. Naku ukwenzeka, umyeni wam ndakhe ndambhaqa edyola nentombi kuFacebook. Saxabana saphinde savana. Ungumntu osebenza ngecontract, umkile ke ebesoloko esebenza apha eMonti, waqala wangumntu ophumayo, ndangena ngenye imini kuFacebook wakhe, ndabona ukuba udyola nala mantombi abakwezi video ahamba ngamabele, ahambaze. Kukho isms ethi bekumnandi ukuncokola nawe, ndimbuze ngale nto, athi bendifuna ntoni kuFacebook wakhe, ndithi oh hayi ndithule. Xa ndiphinda ndingena kulo Facebook ucime eza zinto. Ndiphinde ndingene, xa ndisithi uphinde wathetha nalo mntu ude wanikeza ngenombolo yakhe, andambuza ndamyeka, ngoku iyanditya le nto, uyabuya ngoLwesihlanu, andiyaz noba ndithini kuye andonwabanga, andiyazi noba akoneli ndim okanye ndithini.

IMPENDULO: Dear Mbhali, mandiqale ngokuthi kucace mhlophe ukuba umyeni wakho akathembakalanga. Kaloku le nto ikukuthembana i-ethe-ethe futhi ifuna nokunonophelwa. Noko umyeni wakho ubonakalisile ukungakuxabisi ngezenzo ezi zakhe, uyakwabonisa nokungakukhathaleli. Mna ke ndicebisa ukuba umhlalise phantsi, umbuze ukuba usafuna na ukuzimanya ngeli qhina lomtshato. Ukuba uyavuma, kuzofuneka athabathe isigqibo sokubonakalisa oko. Kuzofuneka futhi azibonakalise ukuba uyindoda ekukhathaleleyo nenako ukuthembeka. Akuzuba lula ke, kuba yonke le nto izothatha ixesha. Umbuzo ekuzofuneka uzibuze wona ke kukuba ingaba unawo na umonde wokulinda le nguqu, ukuba iyenzeka. Ukuba awunako, kuzofuneka uthabathe isigqibo ngekamva lakho kulo mtshato.

#Spitch ndinengxaki, umyeni wam uye wandidyolela nentombi esihlala nayo kwingingqi enye, ndayibhaqa, waphika wathi ibingekaqhubeki ebesamfuna, okwesibini ndayombamba nayo kwale ntombi inye emva konyaka apho ebephangela khona umyeni kuba ebephumile nomsebenzi ebuya ngempelaveki. Qha naku ukwenzeka, ndababona, wacela uxolo wathi uyiyekile, emva kweenyanga ezithile kwavakala intombi le ikhulelwe kwaye ngumyeni wam, ngoko umyeni waphika ukuba umithisile wathi ebesebenzisa ikhondom, zahamba iinyanga ehlala endlini ke, shem endicenga ndibona nam uyidanele into yakhe nangona engayivumi le yesisu, intombi ke ngoku izele umntwana oyintombi kwaye uyabalisa ukuba umyeni lo wam ebekhona esibhedlele ngoku ebelunywa, nomntwana uthiywe ngumyeni, umntana ufana nalo mntanam wokugqibela nalapho waphika umyen. IngxakI yam apho ikhoyo andikwazI kumxolela umyeni wam, andimthembi, imali yona uyinika mna yonke xa epeyile, kodwa andixoli ndinenqala, ndithi sendidlulile kule nto kodwa ubakhe saxabana zibuye zonke ndimthuke ngale nto yokuphika umntwana kwaye akamondli kuba uhlala engenamali umyeni yonke iba kum, ndicela iingcebiso ndingenza njani ukuze ndidlule kule nto ndixole, nalo mntana ndingenza njani ukuze umyeni amvume akwazi ukumondla siqhubekeke ngobom?

IMPENDULO: Sisi, lulwabhici lo Nomadudwane olu ukulo. Okokuqala umyeni lo wakho uziveze ubumene-mene ngokuqhubeka ekrexeza kodwa efunga kuwe ema ngomlenze omnye xa umbuza. Okwesibini, xa ekwazi ukuphika umntwana amenze nalo mntu mnye ekudala umbhaqa naye, ithetha ukuthi lo nto angakuphika nawe lo ngenye imini. Umxabanisi ongenanyani nguye lo, wena ulixhoba njengoko nomntwana lo ufikileyo, ezibhaqa sele elixhoba lobuxoki bakhe. Zimbini ezi zinto zohlukene, ukuthatha kwakhe uxanduva ondle inzala yakhe, nokuqhubeka kwakho kulo mtshato. Masiqale kwimveku le ezelwe ingacelanga, ndicebisa umqhube umyeni lo ayokwenza iDNA tests ukuze kube nobungqina ngenzala le ayiphikayo. Iziphumo ezo ke zakuthi zimkhokele ekubeni ahlawule isondlo. Eyomtshato wakho naye, izofuna wena. Usafuna ukuqhubeka nalo mntu? Ukuba uphindile, uzothini? Khawube nentlanganiso nesiqu sakho.