Ubhalele uSodolophu ekhalaza ona-17

Ityendyana laseMdantsane, uSolly Mdingi (17), ubhalele uSodolophu waseBuffalo City, uXola Pakati, ekhalaza ngomgangatho wamanzi kule ndawo, ekwabongoza uPakati ukuba aye kwindawo yabo awangcamle ngokwakhe la manzi.

Zibe liqela izikhalazo zabahlali malunga nomgangatho wamanzi eBCM, besithi maxa wambi aphuma koompompi emdaka okanye emabi emlonyeni. Umasipala uthi akukho ngxaki kula manzi, akulungele ukuselwa.

USolly Mdingi, ophucula izifundo zakhe zikaGrade 12 eMzomhle High eMdantsane aziphumelele nyakenye, uthi ugqibe kwelokuba abhalele uPakati ngenxa yokuqaphela ukuba baninzi abantu abakhala ngomgangatho wamanzi eBCM.

Kule mbalelwano eya kuPakati, uMdingi uthi: “Ndimemelela kuwe Ceba Pakati ukuba uqubisane nalo mbandela. Ndikunika iveki ukuba uphendule koku…Ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyeNkanga, ndilindele impendulo kuwe buqu.”

Ngethuba sibhala izolo, uMdingi ebengekayifumani impendulo kwimbalelwano yakhe kuPakati. Ebeyibhale ngomhla weshumi kule nyanga, ze wamnika uPakati de kwangoLwesibini kule veki umhla weshumi elinesixhenxe, ukuba aphendule.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uMdingi uthe: “Ndihlala kwaN.U. 3 eMdantsane. Amanzi esinawo apha ekekho semgangathweni. La manzi ndiwaqaphele ekhaya, kodwa apha ekuhambeni ndibuza ndiye ndafumanisa ukuba le ngxaki ayikho sekhaya kuphela.”

“Ndibone ukuba mandibhalele kuSodolophu, hayi nje uCeba, kuba le nto ichaphazela abantu abaninzi,” kutsho uMdingi.

UMdingi uthi le ngxaki yamanzi ajika umbala okanye abe mabi emlonyeni iqale kwisithuba esingaphaya kwenyanga edlulileyo. “Sijongene neCovid-19 ngoku, kutheni kunyanzelwa ukuba sisele amanzi amdaka? Yiyo le nto ndithi xa besithi akulungele ukuselwa la manzi, mabeze eMdantsane bazowasela.”

UMdingi uthi kukho ukungalingani kumbandela wokusiwa kwamanzi eluntwini eBCM. “Ndinomhlobo wam ohlala eCambridge. Uthi akanayo yena le ngxaki yamanzi. Kukhona ukungalingani apha eBCM. Ngabatheni aba baseliswa amanzi amdaka? Abantu abanayo imali yokuthenga amanzi acocekileyo,” utshilo uMdingi.

Isithethi saseBCM, uSamkelo Ngwenya, uthi emva kokufumana izikhalazo malunga nala manzi, bathabatha isigqibo sokuwavavanya nangakumbi.

“Siqaphele ukuba ezi zikhalazo ziphuma kwiindawo ezithile. Izinto eziliqela ezingabangela oku, kuxa bekusetyenzwa kuloo ndawo, ze kwangena umhlaba koompompi. Siye sawathatha la manzi sayokuwavavanya. Ngokunene sazifumana iziphumo, safumanisa ukuba kukho sityalo simbi esiye singene emanzini kweli xesha lehlobo.

“Esi sityalo siye sisibulale ngechiza elithile. Kuyabonakala ukuba mhlawumbi asikhange sibulaleke ncam, yiyo le nto siye sabona ukuba masonyuse umthamo wechiza esibulala ngalo esi sityalo. Esi sityalo asinabungozi kwimpilo yomntu. Sizifumene kwakhona iziphumo ezithi la manzi wethu asempilweni, futhi akulungele ukuselwa luluntu,” utshilo uNgwenya.