Ugwetywe iminyaka emibini uMfundisikazi owafunyanwa enebandla elihamba ze

Kutshanje iNkundla yaseRustenburg igwebe uZoliswa Menziwa (36) iminyaka emibini entolongweni ngokwaphula umthetho ojongene nolwaphulo mthetho ngokwesondo kunye nemiba enxulumene noko, iSection 22 of the Criminal Law (Sexual Offences and Related Matters) Amendment Act, 2007 (Act No. 32 of 2007).

Isigwebo somtyholwa sivela kwisiganeko sokufunyanwa kwakhe namanye amalungu ebandla amahlanu ehamba ze kunye nabantwana abalishumi elinanye kwindlu eyayisetyenziswa njengecawe eSondela Phase 1, eBoitekong ngaphandle kwaseRustenburg, ngoLwesithathu, umhla wokuqala kweyeSilimela ngo2022, ngokwengxelo evela kwisithethi samapolisa uCaptain Sam Tselanyane.

“Le nkosikazi ibikuphela komntu owafunyanwa enxibile ngelo xesha kwaye kuthiwa ebeyinkokeli yebandla. Emva kophando lokuqala, bonke abantwana abaphakathi kweminyaka emine ukuya kwelishumi elinesibini; amakhwenkwe amathandathu kunye namantombazana amahlanu, akhutshwa kule ndlu anikezelwa koonontlalontle ukuze bangenelele, ekugqibeleni babekwa phantsi kononophelo lwamanye amalungu osapho,” utshilo uTselanyane.

UTselanyane uthi ityala emva koko lanikwa icandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo mthetho lwezeSondo (FCS) eRustenburg ukuze kuqhutyekwe nophando.

Emva kophando olunzulu olwenziwa ngabaphathi beqela, uColonel Mosidi Mafora kunye noWarrant Officer Phiri Mfetane, uMenziwa wafunyanwa enetyala ngelixa abanye abatyholwa abahlanu (amalungu ebandla) bakhululwa.

UMenziwa ugwetywe iminyaka emibini entolongweni enqunyanyiswe iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba angafunyaniswa enetyala elifanayo ngeli xesha lokunqunyanyiswa kwesigwebo sakhe.

UMkomishinala wephondo laseMntla Ntshona, uLieutenant General Sello Kwena, ukwamkele ukugwetywa kwale nkokeli yebandla. Wongeze ngelithi amapolisa asazimisele ukulwa ulwaphulo mthetho olujoliswe kumanina nabantwana. Uthi ukukhusela abantu abasesichengeni kuyakuhlala kungumba ophambili kumapolisa kwiphondo laseMntla Ntshona.

Ukwancome igqiza eliphandayo ngomsebenzi omhle wokuqinisekisa ukuba abenzi bolwaphulo mthetho olulolu hlobo bajongana nengalo yomthetho.