Bangaphandle ngebheyile yeR4000 abafana (17) abadlwengule intwazana (15)

Abafundi ababini abatyholwa ngodlwengulo, bobabini abaminyaka ilishumi elinesixhenxe (17), banikwe ibheyile xa bebevele phambi kwenkundla kamantyi yaseRandburg.

Ekuqaleni, abafana abathathu (17) baye babekwa ityala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ubudala eMidrand kumantla eGoli ekuqaleni kwale nyanga.

Kodwa ekugqibeleni, inkundla kamantyi yaseRandburg ilirhoxisile ityala komnye walamakhwenkwe amathathu atyholwa ngokudlwengula le ntwazana. Oku kusemva kophando olwathi akanatyala ngenxa yokubandakanyeka okuncinci kwakhe kudlwengulo lwale ntwazana.

Izolo ngoLwesine, aba bafana babini banikwe ibheyile yeR4000 umntu ngamnye. Aba bafana bakhululwe baza bagcinwa elugcinweni lwabazali babo, benemiqathango engqongqo yebheyile.

Esi siganeko sokudlwengulwa senzeke ngethuba ixhoba, elingumfundi, lizimase itheko eMidrand elikwindawo yokuhlala ebizwa ngokuba yiresidential estate ngelasemzini.

Udlwengulo luxelwe emapoliseni emva kokuba ixhoba lixelele udade walo ngesi siganeko sibuhlungu.

Isebe lezemfundo eRhawutini lithe inkxaso ngokwasengqondweni iyakunikwa aba bafana kunye nexhoba.

“Siza kuqala ngenkqubo yokunika inkxaso ngokwasengqondweni. Khawucinge ukuba umntu unokuziva njani echithe ubusuku eluvalelweni kwaye kusuku olulandelayo ityala lakhe lirhoxisiwe.

“Khawucinge nje ngemeko atyhubela kuyo loo mntu. Yiyo loo nto, njengesebe, singazukukhetha cala. Sizakuhlala sibaxhasa abantwana bethu,” sitshilo isithethi sesebe lezemfundo eRhawutini uSteve Mabona ethetha neentatheli.