Ibanjiwe indoda ezenza umprofeti ebulale umama nentombi

Ozibiza ngomprofeti (35) ubanjiwe ngezityholo zokubulala umama nentombi yakhe ze wadlwengula le ntombi kwilali yaseSilver Oaks eLimpopo.

Isithethi samapolisa uBrigadier Hlulani Mashaba uthi oku kwenzeke ngentseni yangoMgqibelo umhla wamashumi amathathu (30) kweyoMnga ngo2023 ngezithuba ze-00:18.

Amapolisa aziswe yikliniki yaseWillows ngesiganeko sokubulala, aleqe ngokukhawuleza nalapho afike lo mama (37) enamanxeba okuhlatywa entanyeni ebhubhile.

“Ulwazi lubonisa ukuba udade walo mama waxelela amapolisa ukuba udade wabo wamxelela phambi kokuba asweleke ukuba wahlatywa ekunye nentombi yakhe ngumrhanelwa ekuthiwa ngumprofeti.

“Intombi (20) yalo mama ifunyenwe kwigumbi lokuhlala inganxibanga ngokupheleleyo inenxeba lokuhlatywa entanyeni ebonakalisa ukuba idlwengulwe kwaye ibhubhile nayo,” utshilo uMashaba.

UMashaba uthi ngethuba amapolisa egqogqa endlini, umninawa (5) wale ntombazana ibhubhileyo ufunyenwe ebotshelelwe ngeteyiphu egumbini lakhe.

Uphando lokuqala lwenziwe kwaye bakwazile ukukhangela apho ahlala khona umrhanelwa, bafumanisa ukuba ukwindlu yesithandwa sakhe eOaks.

Ingxelo ithi akazange afumaneke ngelo xesha kwindlu yesithandwa sakhe kodwa wafunyanwa ngempumelelo kwindawo yokuhayika (hiking spot). Emva koko wabanjwa ngokukhawuleza wayovalelwa kwisikhululo samapolisa saseHoedspruit.

“Asikaziwa isizathu sokubulawa kuka mama nentombi yakhe. Ukanti kuthiwa lo mama wayemane etyelela umrhanelwa kuba kuthiwa ungumprofeti,” utshilo uMashaba.

UMkomishinala wamapolisa kwiphondo laseLimpopo uLieutenant General Thembi Hadebe ukwamkele ukubanjwa komrhanelwa ngokukhawuleza emva kwesi sihelegu.

“Siyawancoma amapolisa ngokukhawulezisa abambe umrhanelwa ozenza umprofeti. Onke la madoda angcungcuthekisa kwaye ebulala abafazi kwiindawo zethu kufuneka abanjwe kwaye agwetywe.

“Oku kuza kuthumela isilumkiso esiqatha sokuba nabani na ongcungcuthekisa amanina nabantwana, nokuba bangoobani na ekuhlaleni, baza kujongana nengalo yomthetho,” utshilo uLieutenant General Hadebe.

Uphando lwamapolisa luyaqhuba, kwaye umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseHoedspruit kungekudala, ejongene namatyala amabini okubulala nokudlwengula.