Amafama emivundla eBloemfontein

Kunika ithemba ukubona amafama amnyama engena ngamandla kushishino lokuveliswa kwenyama yemivundla eMzantsi Afrika. Amafama amnyama asoloko elandela iindlela ezindala zokulima nokufuya engavumi kungena kwiindlela ezintsha eziza nalamaxesha.

Ukuvelisa inyama yemivundla kuyakhula kwihlabathi kwaye amafama amnyama eMzantsi Afrika nawo ayangena ngamandla kulo mkhakha.

Ingxelo ekhutshwe yiFood and Agricultural Organisation yezizwe ezimanyeneyo ithi liyakhula inani lamafama avelisa inyama yomvundla.

Le ngxelo ithi amazwe aseAfrika asahamba emva ukufunda banzi ngeendlela zokuvelisa inyama yomvundla.

Kukho inkomfa ezakubanjwa kule nyanga izayo eBloemfontein ejoliswe kumafama amnyama azakuxoxa ngeendlela zokunyusa imveliso yenyama yomvundla. Kunqabile ukubona inyama yomvundla kwiivenkile ezithengisela abantu abamnyama kweli.

Okona kunika umdla ngale nkomfa kukuba le nkomfa iququzelelwa ngamafama amnyama, kwaye ngamafama asakhulayo.

Ixabiso lalenyama linika umdla kumafama asaqalayo ukuze akwazi ukukhula ngokwezimali. Kumenywe iingcali ezisele ziqhuba ngokuvelisa inyama yemivundla kwihlabathi nalawo aphuma kweli loMzantsi Afrika.

Ngaphandle kokuxoxa ngeengcebiso neendlela zokukhula kwamafama amnyama kwimveliso yenyama yomvundla, kukwalindeleke ukuba kumiselwe umbutho. Umbutho oza kusekwa apha uzakucebisa, ufundise kwaye uxhobise amafama enyama yomvundla ngolwazi.

Amafama amnyama awakwazi kukhula ngokungxamileyo kwimikhakha efana nokuvelisa inyama yemivundla ngenxa yokungaxhaswa.

Iinkampani ezinkulu kwezolimo nokufuya zisezandleni zabantu abamhlophe, nto leyo eyenza iinzame zabantu abamnyama zingafumani nkxaso.

Unyaka u2023 ubengunyaka owambethwe ziingxaki ezininzi ezibangele ukuba angakhuli amafama amnyama kwimikhakha emininzi yezolimo.

Ingxaki yokucima kombane, ukungazinzi kwezopolitiko, amaxabiso amafutha nezinye zezona ngxaki zibenze nzima ubomi kunyaka ka2023. Inguqu ezilindeleke kwezopolitiko ngenxa yolonyulo oluzayo kweli kulindeleke ukuba zize notshintsho kwezolimo.