UKgomotso uzibandakanya neGenerations: The Legacy kweyoKwindla

Umdlali kamabonakude uKgomotso Christopher.

UKgomotso Christopher nongumdlali kamabonakude odumileyo, uza kulingisa kumdlalo kaSABC 1 iGenerations: The Legacy, nedlala ngentsimbi yesibhozo rhoqo phakathi evekini.

UKgomotso sele ezenzele igama kwimidlalalo eminizi kamabonakude efana neLegacy, Isidingo, 4Play: Sex Tips for Girls, Fatal Seduction, iScandal, kunye neminye.

Le nzwakazi iza kubonakala okokuqala kulo mdlalo iGenerations: The Legacy, ngomhla we-14 keyoKwindla, kulo nyaka.

UKgomotso uza kudlala indawo kaKeabetswe ‘Kea’ Moloi, noliwele likaKhumo Moroka, nodlalwa nguAubrey Poo.

La mawele anomahluko omkhulu, kwaye akafani, uKeabetswe liwele elinonubele, ubuntu, nenyaniso, ngelixa iwele lakhe uKhumo enamaqhinga. Kodwa noxa kunjalo la mawele enza nantoni na ukukhuselana.

“Ukuzibandakanya neGenerations: The Legacy kukuzaliseka kokuthile kum, kwaye ndizimisele ukungena ezihlangwini zikaKeabetswe ‘Kea’ Moloi. Ababukeli abebesoloko bendixhasa emsebenzini wam, oku ndenzela bona,” uphawule ngelo uKgomotso.

Ukanti abeGenerations: The Legacy bona bathe uKgomotso ngomnye weenzwakazi ezihamba phambili kumabonakude namhlanje.

“Uhlala eqaqamba kwimidlalo kamabonakude, nto leyo ibangela ukuba anike umdla ukuba umbukele. Kudala sifuna abe yinxalenye yethu, kwaye siyavuya ukuba ede wavuma ukuzibandakanya nosapho lweGenerations: The Legacy,” bavale ngelo abeGenerations: The Legacy.