UMafa uwubeka phantsi umboko weendaba

Umsasazi woMhlobo Wenene uMafa Bavuma

EMVA kweminyaka elishumi yokusasaza iindaba kuMhlobo Wenene FM, ngoku lifikile ixesha lokuba uMafa Bavuma azibeke phantsi kulo msebenzi.

Kulindeleke ukuba uMafa avalelise kwicandelo leendaba neenkqubondaba zesi sikhululo ekupheleni kwale nyanga kaCanzibe 2019.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngokuthabatha kwakhe esi sigqibo, uMafa uthi khange kube lula.

“Bekunzima kakhulu. Kudala ndiman’ ukuyicinga ngamaxesha athile, bekungekho lula ukudibanisa ezi nkqubo zombini kule minyaka idlulileyo,” kuncokola uMafa.

Ukuqala ngenyanga yeSilimela, uMafa uza kube engene waphelela kwinkqubo yeBhrakfesi yoMhlobo Wenene FM – iBEE.

“Ndiyintatheli ngokwemfundo kwaye ndibotshelelwa yimiqathango yobuntatheli. Ngenxa yokusebenza kwiBEE, bekubakho eminye imisebenzi bendiyenza bucala, bekungekho lula ngenxa yemigaqo eza nomsebenzi wam wasezindabeni,” kutsho uMafa.

Uthi ukushiya kwakhe kwicandelo leendaba kuza kumenza azibandakanye neeprojekthi eziliqela ngaphandle komsebenzi wakhe wakunomathotholo.

“Ukuba kwiBEE kuza kundinika ixesha eloneleyo ukuba ndenze le misebenzi.”

“Ndithabathe umngcipheko, ndishiya umsebenzi wam osisigxina, kodwa ndiyacinga ukuba ubani kufanele abe nobugokra ukuze afezekise amaphupha akhe,” utshilo.

UMafa uhambisa athi ube nethamsanqa lokuqeqeshwa ngoomakhwekhwetha bezeendaba.

Uthi amagqala afana noFikile Lubisi, uFezile Mpunzi, uPatrick Dalindyebo, uThami Dickson, uMzukisi Solani kwakunye nabangasekhoyo uLindani Bekwa, uJoe Lofafa noThobile Madlakane – bebengamkhokeli bekwambonisa indlela nje kuphela, kodwa bebengootata nabantakwabo.

“Baye bangootata noobhuti bam emsebenzini. Bebendikhuthaza xa ndisenza kakuhle, bandinqwanqwade ndakuphazama,” kubalisa uMafa.

Lo msasazi, 37, osandul’ ukubhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa ngoSuku lweNkululeko, uthi wafikela kwigumbi leendaba eligcwele oomakad’ enetha kwicandelo leendaba.

“Ndaye ndanikwa amathuba, ndangena ndingumdidiyeli kodwa isakhono sam sokusasaza saye sabhaqwa kwela gumbi leendaba.”

Uthi okuhle angasayi kulibala ngethuba engumbhexeshi weendaba kukunikwa ithuba lokuzimasa iAnnual General Assembly yeUN eNew York ngo2014, ukuthunyelwa kudliwanondlebe noMongameli Cyril Ramaphosa eRhawutini phambi kokuba abe ngumongameli, ngokunjalo nokubhexesha inkqubo engobomi bukaNelson Mandela ngethuba lokubhubha kwakhe, ekunye noPatrick Dalindyebo.

UMafa uthi noxa nje kuninzi okuhle anokubala ngokusebenza kwicandelo leendaba, ukusweleka kukaMfu. Joe Lofafa, uLindani Bekwa, uThobile Madlakane noMzukisi Somi, kokona kwamophula umoya.

“Bonke badlala indima kwisakhono sam sezosasazo,” kutsho uMafa. Ngoku abaphulaphuli bangadibana noMafa kwiBEE, rhoqo ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngecala emva kweyesithandathu ukuya kwintsimbi yesithoba kusasa.

simphiwe.freddie@inl.co.za