Unobuhle ona6 uyokumela iphondo lonke

U-Indiphile Owami Mhlathi oneminyaka emithandathu kuphela nofunda uGrade1, uza yokumela eli Phondo leMpuma Koloni eyedwa eThekwini kukhuphiswano lweInternational Junior Miss South Africa. UIndiphile ukuluhlu loonomngqushwana abaphakathi kweminyaka emihlanu ukuya kwemithandathu.

Balishumi bebonke aba nomngqushwana abaza kube bekhuphisana eThekwini nalapho ngamnye aza kube emele iphondo lakhe aphuma kulo kweli loMzantsi Afrika.

Amalungiselelo olu khuphiswano aza kuqala ngomhla wesithandathu apha kweyeDwarha ukuya kumhla weshumi eSun Coast eThekwini.

UAsisipho Mhlathi (28) ongumama kaIndiphile (6) naye wayenguMiss Vodacom Butterworth, nokwaququzelela uphuhliso kulutsha lwaseMnquma, uthi basebenze nzima ukuze bafike kwindawo akuyo nomntwana wakhe. Uthi ebekhuphisana noontanga bakhe abane kweli phondo besilwela ukungena kuluhlu lwabalishumi lwamagqibela kankqoyi.

“Okusandothusayo kukuba ebeqala ngqa ukukhe angenele ukhuphiswano umntwana wam. Khange ndilindele ukuba angaba kule ndawo akuyo. Ebendikufuna mna ibikukuba aqhelane neqonga nabantu kwaye nokufunda ukuzithemba esekule minyaka akuyo. Kudala ndirhalela ukuba ngenye imini abekule ndawo akuyo namhlanje. Ungumntwana ozimiselayo xa esenza into, akasiso isithethi kodwa uye umbone ngezenzo nangokuzithemba,” utshilo uMhlathi. Uthi ukhule ekubawela ukungenela kodwa kungekho nkxaso. UMhlathi uthi ekufikiseni kwakhe uzenzile zonke izinto ezigwenxa nto ezo anganqweneliyo ukuba umntwana wakhe angagaxeleka kuzo.

Uthi ufuna umntwana wakhe akhule engumntu okwaziyo ukuzimela nokwaziyo ukuzithathela isigqibo kwaye abe ngumntwana ophaphileyo nangokolwazi. Ubulele ukuxhaswa luluntu lwaseMnquma, inqununu yomntwana kwakunye neNkulubaphathiswa yePhondo.