IMpondokazi lizokumela isizwe salo ezizweni!

“SingamaMpondo sineKumkani yethu kwaye sineendlela zethu zokwenza amasiko ezohlukileyo. Kwaye ndikwafuna nokusiphakamisa saziwe isizwe sethu samaMpondo, batsho abantu bayeke nokusoloko besothuka ukuba amaMpondo azimele kwaye nokusoloko bengasohluli namaXhosa.” La ngamazwi kaAnathi Gosa (21) waseZixambusi eNgqeleni oza kube eyokumela isizwe samaMpondo kukhuphiswano lweIndoni eThekwini kweyoMnga.

UGosa, nowenza unyaka wakhe wesibini kwiyunivesithi yaseFree State, uphakathi kweentombi nto ezilishumi elinesibini eziza kube zimele izizwe zazo eThekwini. Uthi usenzile isifungo ngethuba ezithethelela kukhuphiswano obeluseMpumalanga lweIndoni, esokuba ulwazi athe walufumana kuqeqesho lweIndoni uza kufika ekhaya eNyandeni aluphokozele oogxa bakhe ingakumbi abangamantombazana.

“Izinga lokukhulelwa kwamantombazana akule minyaka yam liyoyikisa. Bendingathanda ke ulutsha lwakuthi lubuyise unyawo ze lungabanjwa yidyokhwe yobukhoboka. Ingase ulutsha lwasekhaya luyazi ukuba yonke into inexesha layo.

“Ndirhalela le nto yeIndoni yenze umohluko kubo abangekaqali bafunde nto kwaye bangenele nabo amakhuphiswano anje ukuze isizwe sethu siphuhle ngolwazi.

“Yanga bangafunda ukuziphatha kakuhle, ukuziphatha kakuhle ayikokuhamba inkciyo kuphela kukuba uqale uzihloniphe wena,” utshilo uGosa.

Usuku lokhuphiswano alukapapashwa kwaye neenombolo zokuvota azikakhutshwa. Lona ukhuphiswano luza kube lubanjelwe eThekwini ngenyaka yokugqibela ka2021.