Unyana ubanjelwe ukubulala unina

AMAPOLISA aseGqeberha anqakule indoda eneminyaka engama38 ubudala emva kokurhaneleka kwisenzo sokubulala unina.

Kuthiwa amapolisa abizelwe kwindlu ekwisitalato iBhabhatane esikwilokishi yaseWalmer emva kokuvakala kwengxwabangxwaba.

Ingxelo iqhuba ithi, amapolisa athe xa efika kulo mzi agagana nonyana ephuma, aye amyalela ukuba avule umnyango otshixiweyo, kulapho kufunyenwe umzimba kamama wakhe uqungquluze phantsi ekhitshini enamanxeba okuhlatywa.

Lo mama uchazwe njengoNtombizana Frans (64) obehlala kunye nonyana wakhe.

“Uye wabanjwa, wavalelwa ebekwa ityala lokubulala. Kulindeleke avele kwinkundla yamatyala eGqeberha ngoMvulo umhla wama27 kuJuni. Awukaziwa unobangela wesi senzo simasikizi,” kutsho uCol Priscilla Naidu wamapolisa.

Ingxelo ikwathi bekuhlala kukho iziganeko zodushe kule ndlu kodwa umama zange avule tyala emapoliseni.

UMkomishinala oliBambela kwiSithili saseNelson Mandela Bay, uBrigadier Thandiswa Kupiso, usigxekile esi senzo sokuhlaselwa kwenina esele likhulile.

“Ezi zenzo zoxhatshazo maziliwe ngumntu wonke, kwaye sicela abahlali ukuba bangathuli, kodwa baxele izenzo zodushe amapoliseni.”

UKupiso wongeze ngelithi kubuhlungu xa ubomi bomzali buthathwa ngumntwana wakhe obekufanele ukuba uyamkhusela.

Ukanti kwesinye isiganeko, amapolisa aseNtabankulu acela uluntu ukuba luwancedise ukufanisa imizimba yamanina amabini afunyenwe ebhubhile kwihlathi laseNtabankulu.

UWarrant Officer Majola Nkohli ubika ukuba ngoLwesithathu, malunga nentsimbi yesibini emva kwemini, umntu obechola iinkuni kweli hlathi elisemva kweeOfisi zeSebe lezeMfundo eNtabankulu, ugilene nezi zidumbu.

Amapolisa aye abizwa aze afika le mizimba inemigruzuko kumzimba wangasentla kwaye ingenampahla.

Kukhe kwazanywa ukukhangelwa izalamane zala manina kodwa kwabuywa nelize

Ofuna ulwazi ngaba babhubhileyo angatsalela uDetective Sergeant Zola Nolawu kwa: 039 258 002. Okanye kwaCrime Stop kwinombolo engu08600 10111.