Uphumelele imbasa ngenxa yesiXhosa

UMBHALI woncwadi lwesiXhosa, uMadoda Ndlakuse, uphinde wafumana ingqwalasela ngomsebenzi wakhe wokuphuhlisa nokugcina ulwimi lwesiXhosa.

UNdlakuse ufumene imbasa yesiXhosa Literature kwiPanSALB Multingualism Awards ebezibanjwe kutshanje.

Kweli candelo lesiXhosa ebekhuphisana noAyanda Billie noGqr Guzula abakwangababhali.

“Ikakhulu kujongwa umntu oye wangumzekelo ekuphuhliseni uncwadi lolwimi lwenkobe kwangaxeshanye ekwangumgcini wolu lwimi nothe wasebenza ngokuzimisela kakhulu. Luvuyo kakhulu kum ukunikwa le ngqwalasela yiPanSALB,” kutsho uNdlakuse.

Le nzalelwane yaseMdantsane sele ikhuphe iincwadi ezinjengoMhla Latsh’ iBhayi, Iingcinga Zendoda neZitshanguba Zentlalo kususela oko yaqala ukubhala ebutsheni beminyaka yoo2000.

“Ndingatsho ndithi oku kuthetha ukuba xa usenza into oyithandayo yenze kakuhle, uyenza ngokuzimisela. Imingeni odibana nayo ebomini ayimele ibe sisizathu sokuba utyhafe okanye uyeke,” kucebisa lo mbhali.

Le mbasa iza emva kwembasa yeNadine Gordimer Short Story efunyenwe ngulo kaNdlakuse kwiSouth African Literary Awards kunyaka ophelileyo.

Ukanti phambi koko ebekhe wachongwa njengomnye wabantu abalikhulu abangumzekelo eMzantsi Afrika.

UNdlakuse uthi eli wonga lithetha lukhulu kuye njengoMququzeleli weeProjekthi zakwaNal’ibali.

“Ngokuba ndiqeqesha ootitshala ukuze bafundise abantwana bonwabile, ndiqeqesha amatshantliziyo oncwadi nabo basuka kwiiNGO ezidlala indima enkulu kwimfundo yabantwana. Ubukhulu becala ndisebenzisa amandla ebali okanye okubalisa ukuze umyalezo ugqithe, sitsho sibe neentsapho ezikuxabisayo ukufunda, ukuncokola nokubaliselana,” utshilo.

Lo mbhali ukwathi ukuzimisela kuza nomvuzo.

NgeyoMsintsi, uNdlakuse uza kube ekhupha iincwadi ezintsha ezintathu, enye kuzo uthi ingobomi bakhe.