Usingise eThe Hague uNaledi Pandor

UMphathiswa wemicimbi yezangaphandle eMzantsi Afrika uNaledi Pandor.

Kwilinge lokuqhubela phambili idabi lokuba kutshutshiswe ilizwe lakwaSirayeli, uMzantsi Afrika uthe gqolo ukuthumela inkokheli kwinkundla yolwaphulo mthetho kwihlabathi.

UMphathiswa wemicimbi yezangaphandle kweli, uNaledi Pandor, usendleleni esingise eThe Hague ukuya kumamela isigqibo senkundla yolwaphulo mthetho kwihlabathi malunga nesimangalo soMzantsi Afrika ngakuSirayeli.

Ngenxa yeziganeko zokuhlaselwa kwelizwe lasePalestina nengingqi yaseGaza ngamajoni elizwe lakwaSirayeli, uMzantsi Afrika uzigqatse wafaka isimangalo kula nkundla ngelithi malibekwe ityala ligwetywe ilizwe lakwaSirayeli.

Emva kokuva isimangalo soMzantsi Afrika la nkundla kulindeleke ukuba inike isigwebo sayo isitsho ukuba linetyala okanye alinatyala kusinina ilizwe lakwaSirayeli ngokuhlasela iPalestina neGaza.

UMongameli wela lizwe uBenjamin Nethanyau uthi ilizwe lakhe lenza konke oku lizikhusela kophumasilwe beqela leHamas. “Akukho sihlahla kwesi simangalo kuba thina sikhusela ilizwe nabemi belizwe lethu kuhlaselo leqela leHamas,” wathetha watsho uNethanyau.

Ekuqaleni kwale nyanga uMzantsi Afrika uthumele igqiza eliye kwinkundla yolwaphulo mthetho kwihlabathi eThe Hague ngelizama ukufaka isimangalo. Elo gqiza belixhobe ngoMphathiswa wezobulungisa kweli uRonald Lamola, igqwetha uThembeka Ngcukaithobi nabanye.

UMzantsi Afrika uqhwatyelwe izandla yimibutho eyahlukeneyo yezopolitiko kweli kuquka noluntu ngokubanzi. Ngethuba ligaleleka eligqiza ukubuya eThe Hague ekuqaleni kwale nyanga lamkelwa njengamaqhawe luluntu loMzantsi Afrika.

“Sikwenzile konke obekumele ukuba sikwenzile kwinkundla le, ngoko yonke into ixhomekeke ngokumandla kwisigqibo senkundla,” wathetha watsho uNgcukaithobi ngethuba begalele eOR Tambo.

Ukuba lilungu lale nkundla koMzantsi Afrika kwenza ukuba kubelula ukumangala nokukhalaza xa kukho into abangayithandiyo kwihlabathi. Baqikelelwa kumawaka abantu ababhubhe ngenxa yohlaselo lelizwe lakwaSirayeli kwilizwe lasePalestina.

Eli nyathelo libangele iyantlukwano eninzi kubantu boMzantsi Afrika, bambi bebona isizathu sokuhlaselwa kwePalestina nguSirayeli logama abanye bengasiboni.

Umbutho weDA ulahlekelwe ziinkokheli ezithe zashiya kulo mbutho ngenxa yokungaboni ngasonye ngemeko yasePalestina ngaphakathi kula mbutho.

Ukuba siyaphumelela isimangalo selizwe loMzantsi Afrika sokuba litshutshiswe ilizwe lakwaSirayeli, oko kuyakuthetha ukuba eli lizwe lakufumana inkxaso emandla kumazwe axhasa ukutshitshiswa kukaSirayeli.