Makufundiswe ezolimo ezintolongweni

Kutshanje, uMphathiswa wezobulungisa noluleko kweli uRonald Lamola ukhuphe iziphumo zebanga leshumi zabo badontsa izigwebo kwiintolongo zoMzantsi Afrika eThekwini.

Minyaka le, amakhulu wabantu beli abaseluvalelweni bayazibonakalisa ngokuthi baphumelele izifundo zabo kwibanga leshumi emagqabini.

Ngenxa yokuba begwetyiwe, amagama abo abekwa kuluhlu lwezaphuli mthetho kweli, oko kwenza ukuba bangaqesheki ukuphuma kwabo.

Ukufundiswa kwabo ezolimo kungenza ukuba bakwazi ukuphila ngaphandle kokukhangela imisebenzi engenakufumaneka.

Baninzi abasele bephumile ezintolongweni zeli kodwa bajijisana netyheneba lokungakwazi ukuqesheka. Ethetha kumsitho wokunikezelwa kweziqinisekiso zaba bafundi, uLamola ubongoze iinkampani noluntu loMzantsi Afrika babanike ithuba.

“Singavuya ukuba iinkampani zeli zingabanika ithuba aba ukuze bakwazi ukuziphilisa ngokuqeshwa, ingakumbi abo bancwase ukuqeshwa,” uthethe watsho uLamola.

Ukuxhotyiswa ngezakhono zokulima nokufuya kungawanika la madoda namakhosikazi eyona nkululeko yokuzimela empilweni ukuze aphile.

Zikho iinkqubo zokubanika izakhono eziquka umsebenzi wezandla baze xa begqibile basebenzise olo lwazi. Kodwa zimbalwa iintolongo kweli ezithi zifundise amabanjwa izakhono kwezolimo nokufuya.

Ukuze lowo uvela entolongweni akwazi ukuqalisa ngokulima nokufuya, kudingeka nje kuphela umhlaba wokuba enze oko.

Umhlaba angawufumana ngokuwuboleka okanye ngokuwuthenga ukuba unazo iisenti ezaneleyo. Asikho isiqinisekiso sokuba xa becela inkxaso kurhulumente baya kujongwa ukuba bakhe babanjwa ngokwaphula umthetho.

Kodwa nokuba kunjalo, kuyakunyanzeleka ukuba bangene kookopolotyeni basekuhlaleni ukuze bafumane inkxaso phantsi kwegama lokopolotyeni lowo.

Bambi baphuma kumakhaya anemihlaba ehleliyo, bangaqalisa ukuthetha namalungu eentsapho zabo ukuba zibancedise ngokubaboleka umhlaba ukuze balime.

Akulindelekanga ukuba baqalise ngokulima imihlaba emikhulu, kodwa bangaqala ngokulima iindawo ezincinci ukuze bakhule.

Logama belime ezondawo zincinci, bangaqalisa ukuthenga amantshontsho eehagu, aweenkukhu kanti namatakane eebhokhwe okanye iigusha bafuye logama bekwalimile.

Ubulumko bokoyisa indlala ngokulima nokufuya kukuba umfama oqalayo alimele ukuba atye, kodwa akwazi nokuthengisa xa kukho imfuneko.

Uninzi lwamafama abaphumeleleyo baqale ngolu hlobo engavumeli nanye into ukuba ithintele inkuthalo nomsebenzi wabo wokulima nokufuya.

Ululeko yinkqubo yokuba lowo usengxakini yokwaphula umthetho ancediswe ukuze alwe ingxaki yakhe ngempumelelo.

Ngoko isebe lezoluleko nalo kumele ukuba libenoxanduva lokuqinisekisa ukuba la madoda namakhosikazi aqala ubomi ngokutsha ngendlela esemthethweni.

Ukuphumelela ibanga leshumi beseluvalelweni kubonakalisa ukuba ngenene abo ngabantu abazimiseleyo ngokutshintsha iimpilo zabo.