Uthathe iintambo uMene kuNtshinga!

Ungene ngokusesikweni kwidesika yakhe kweli phondo leMpuma Koloni emva kokunikwa ngokusesikweni indawo yakhe yokuba nguMkomishinala wamaPolisa ephondweni uNjengele Lieutenant Nomthetheleli Mene, enikwa nguNjengele kazwelonke uKhehla Sithole kwakunye nobesakuba nguMkomishinala uNjengele Liziwe Ntshinga. Oku bekubanjelwe eBhisho SAPS Academy.

UMene obekade ekwiphondo laseNtshona Koloni kwidolophu yaseVostile, ungena kwizihlangu zikaLiziwe Ntshinga obekade enguMkomishinala weli phondo nanjengoko lifikelele esiphelweni ixesha lakhe kwesi sikhundla.

Lt Njengele Mene esamkela ikrele ezandleni zakhe ebelinikezwa nguNtshinga uthe: “Ngokwamkela kwam eli krele kweli phondo kubonakalisa uxanduva olukhulu oluphambi kwam nendakuthi ndijongane nalo. Lo msebenzi wokusebenzela eli lizwe ngentembeko, ngobugorha, ngebhongo kunye nentlonipho emandla yenye yezinto eziphambili kum,” utshilo uMene.

Olu suku luye lwaququnjelwa eICC eMonti apho bekwenzelwe itheko uNjengele Ntshinga ohambayo kwabe kukwamkelwa noNjengele Mene. UMphathiswa wezoThutho ePhondweni uWeziwe Tikana-Gxothiwe naye ebeyinxalenye nale misitho nalapho athule intetho yakhe ngolu suku.