Uyayijonga ifowuni yowakwakho?

Ukhe wazama ukulandela umkhondo weqabane lakho lingazi ngokusebenzisa imfonomfono? Awuwedwanga kuloo mkhuba yaye kufuneka uzilumle kuwo.

Okokuqala, zithe ndii iindaba ezingesigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseZimbabwe negwebe eHarare kule veki iphelileyo ngelithi kukwaphula umthetho ukucofacofana nemfonomfono yeqabane lakho ube ufundana nemiyalezo engathunyelelwanga wena.

Kwityala elibandakanya umfazi ohlabe wabulala umyeni wakhe ngemela ngenxa yokuba engafuni ukumfundisa imiyalezo ekrokrisayo ekwimfonomfono yakhe, iJaji uTawanda Chitapi ugwebe ngelithi ukucofacofana nemfonomfono yomnye umntu ngaphandle kwemvume kunyathela amalungelo onxibelelwano ngokukhululekileyo akhuselweyo nguMgqaqo-siseko. UMgaqo-siseko weli lizwe uwakhusela ngokufanayo la malungelo.

Okwesibini, esi sigwebo sindikhumbuze ngencoko yakutsha nje nomfundisintsapho othile othe wafumanisa okokuba inkosikazi yakhe ifakele ubuxhakaxhaka be- tracker kwimfonomfono yakhe ukuze ikwazi ukulandela imigushuzo yakhe naphi na apho akhoyo, iphinde ikwazi nokufunda imiyalezo engenayo nephumayo kwimfonomfono yakhe.

Esi senzo simkhanyele mini apho wathi walibala ukwenza intlawulo ebalulekileyo yeinsurance yekhaya labo, yaza inkosikazi yayenza ngokwayo intlawulo ithatha imali esebhankini ngokusebenzisa imfonomfono (electronic funds transfer). “Ungabi sazikhathaza,” watsho umyalezo kwimfonomfono osuka kwinkosikazi, “sendiyilungisile intlawulo obuyilibele.”

Ekuqaleni lo mfo uthi wayexhalabile exakiwe yinto emakayithethe nemakayenze. Uthi wayesoloko ecinga okokuba yena nenkosikazi yakhe “abanamfihlo omnye ngakomnye”’ nangona emva kwesi sehlo kwaye kwacaca okokuba nguye kuphela ongenamfihlo ngakwinkosikazi yakhe. Xa ndimngcambazisa okokuba wayamkela njani yonke le nto undicacisele wathi: “Ndazixolisa ngokubona oku njengento ethi undikhathalele.”

Ukuba mna mntu wasezilalini ndingafumanisa okokuba isithandwa sam silandela iintshukumo zam ngokufunda imiyalezo ekwimfonomfono, ndingaphoxeka. Ndingaphoxeka kukuzigqatsa kwaso side sibe liphela emasini, ndiphinde ndiphoxeke nalulwazi lwaso olungaphaya ngezobugcisa ngokusetyenziswa kweemfonomfono zala maxesha.

Kaloku kwixesha esiphila kulo ukusetyenziswa kwe “tracker” akuphelelanga ekuthinteleni ukubiwa kwezithuthi nje kuphela, kodwa kuyasetyenziswa nasekuqapheleni iindlela zabantu. Isengaba ziimbaleki kukhuphiswano lomidyarho, amabanjwa ekufuneka evele ezinkundleni zamatyala, abantwana besikolo abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke ekufuneka beqatshelwe ngabazali babo, ukanti isengaba ngumyeni owoluswe ngeliso lokhozi ngumkakhe.

Imfonomfono isesesona sixhobo sinobuxhakaxhaka bale mihla obusebenza ngesatellite esithi sisetyenziswe ukulandela umkhondo. Kusetyenziswe ntoni kwelinye icala loqhakamshelwano?

Utsho umbuzo. Amaxesha amaninzi idla ngokuba licici elibotshelelwa ndaweni ithile efihlakeleyo apha kwisithuthi ukuze lithumele ingxelo ngendawo esikuyo, ubungakanani bexesha simile kuloo ndawo sime kuyo, okanye isantya nohlobo esiqhutywa ngaso.

Kwiimbaleki, eli cici libotswa nomtya wesihlangu ukuze linikeze ingxelo rhoqo, khona khona kwiimbaleki ezityeshela imigaqo yomdyarho ngokuthatha imizila enqumlelayo kuba zifuna ukuyokufika msinyane entanjeni. Le ngxelo ingamfaka engxakini nomqhubi wesithuthi xa ethe ngoku ethunywe eNiniva asuke abheke eTalasheshe.

Singayanga kumba wamabanjwa nabantwana besikolo, izithandani zona zikholisa ukusebenzisa amacici ehombo agqobhoza iindlebe, ulwimi, inkaba njalo-njalo njengesona sikhundla sobugcisa bonxibelelwano ngesatellite. Abaziyo bathi le tracker esecicini isengasebenza ngokuthumela umyalezo kwimfonomfono ontama ukuphambuka kwendlela yalowo icici ligqojozelwe kuye.

Okucacayo kukuba njengoko ubugcisa betechnology esebenza ngeemfonomfono busiya buphucuka, amahlathi azakuya ephela apho umntu angazifihla khona angaziwa ukuba uncokola nabani, ngani, nokokuba uphi , wenzani , nabani na. Kungoko kufuneka sonke siqaphelisise okokuba ngubani na olandela emkhondweni wethu singazi esebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla. Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!