Uzakumela uMzantsi Afrika kwihlabathi uGqirha Ndudane

UGqirha uNandipha Toyota Ndudane. UMFANEKISO: LINKEDIN

UGqirha uNandipha Toyota Ndudane utyunjwe ukuba abelilungu lombutho ojongene nempilo yezilwanyana kwihlabathi, iWorld Veterinary Association (WVA), nalapho azakube emele uMzantsi Afrika.

Igama lakhe liyaziwa kwezolimo ingakumbi nje ngenina elizibalule ngamandla phakathi kwamadoda asisininzi kwezolimo.

UGqirha Ndudane utyunjwa ukuba abeyinxalenye yeWVA logama akwadlala indima ephambili kwindibanisela yooGqirha bezilwanyana eMzantsi Afrika.

Ngaphandle kokuba nguGqirha wezilwanyana ophume izandla, uNdudane ukwa yiNqununu yeTsolo Rural Development and Agricultural Institute kuTsolo.

Eli lelinye lamaziko amadala avelise iqela lamagosa adlala indima ephambili kwezolimo kweli nakwimpilo yezilwanyana ngokubanzi.

Ezolimo eMzantsi Afrika nakwihlabathi zikhokelwe kakhulu ngamadoda nanjengoko kusetyenziswa amandla ixesha elininzi.

Urhulumente weMpuma Koloni umqhwabele izandla uNdudane ngelithi ngenene ufanele ukuba athabathe isikhundla kumanqanaba angasentla.

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters uphawule wathi: “Kuyasivuyisa oku kuba uGqirha Ndudane uzakuphakamisa iflegi yelizwe loMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi ukusukela ngoku, ngoko ke simnqwenelela impumelelo kumsebenzi wakhe,” kutsho uPieters.

IWorld Veterinary Association ngumbutho ojongene ncakasana nomsebenzi owenziwa ngooGqirha bezilwanyana kwihlabathi. Lo mbutho ukhuthaza ukwaxhobisa ooGqirha namaziko ajongene nempilo yezilwanyana kwihlabathi ngokubanzi.

Eli thuba linganika ooGqirha bezilwanyana beli ithuba lokuba banabise ngamandla iimpiko zolwazi labo malunga nempilo yezilwanyana.

Ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki yokunqongophala kooGqirha bezilwanyana ngenxa yokuba abo baphuma kumaziko oqeqesho bayalishiya ilizwe loMzantsi Afrika.