INkanyamba Records EC izisa iGoli eMpuma Koloni!

UAthenkosi Ndikinda we-Inkanyamba Records EC. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Emva kokubona intsokolo nemicelimngeni abajongene nayo abo bafuna ukucula nokuvelisa umculo eMpuma Koloni, uAthenkosi Ndikinda okwangumvelisi wabona ukuba makazivulele inkampani ezakuthi ijongane ngqo nale mingeni ijongene nolutsha olunezakhono zomculo. Kungade kuyiwe eGoli apho amathuba akhoyo.

UNdikinda, noyinzalelwane yaseDutywa eMpuma Koloni, uvule inkampani yakhe Inkanyamba Records EC kunyaka ophelileyo ngo2023 eDutywa ngeenjongo zokukhawulelana nezi ngxaki sele zikhankanyiwe ezijongene nalo lonke ulutsha lwaseMpuma Koloni oluthanda umculo.

UNdikinda uthi abana hlobo lutheni emculweni; wena Gqom, Amapiano, Gospel, Mbaqanga, Maskandi konke abana utheni.

“Le ngcinga yokuvula iNkanyamba Records EC, ndabona ukuba ukuze sifezekisa amaphupha ethu kufuneka sisuke apha ePhondweni siyokufuna iileyibhile zokurekhoda (recording labels) ezinokusiphuhlisa. Umnqweno wam kukuphelisa lo nto ndibonise iimvumi zalapha ekhaya ukuba akusekho sidingo sokuya eGoli ngoku ukuze zibesezintweni,” utshilo uNdikinda.

Kwincoko yakhe neSolezwe uqhube wathi noko njengokuba sele eqalile kwiNkanyamba Records EC, izinto zisaqhuba kakuhle. Uthi into ebalulekileyo kukuba baxhasane beziimvumi zaseMpuma Koloni kwaye basebenzisane.

UNdikinda ucebise ulutsha olufana naye olunamaphupha neminqweno esithi akukho nto yogqitha ukuba wenze uphando ngento oyinqwenelayo kwaye uzisondeze ngendlela entle ufunxe kwabanolwazi ukuze nawe ufunxise abafuna ulwazi.

Uthi konke oku akwenzayo wakujonga kwi-intanethi, akazange akuyele esikolweni. UNdikinda uphumelele ibanga leshumi ngo2020. Uthi ufuna ukuba ngumzekelo kulutsha lwaseMpuma Koloni.

Ezimnandi indaba zezokuba sele eneemvumi ezintathu kwinkampani yakhe, uAphiweRsa, Foxy Saul noPronator. Uthi ezi mvumi waziqala phantsi kwaye ziqhuba kakuhle.

Kwiinyanga ezimbalwa ezizayo iNkanyamba Records EC kulindeleke ukuba iphehlelele iNkanyamba Home Of Entertainment eDutywa.

Ungabalandela kumakhasi onxibelelwno xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe.