Walile ukuthetha ngonyulo loomasipala uMotlanthe

Wale
kwaphela nokuveza uluvo lwakhe ngeziphumo zonyuloo loomasipala obengusekela
mongameli weli uKgalema Motlanthe. Oka Motlanthe ebethetha namajelo eendaba
eMonti izolo. Uthe ngumsebenzi awuzeleyo eMpuma Koloni omnyanzelisa ukuba
angathi chapha nelimdaka ngemicimbi yezopolitiko. UMotlanthe ufike kweli
 leMpuma Koloni ekhokele ikomiti eyodwa eyenza
uphando ngemithetho ethe yapasiswa ngurhulumente weli ukusukela ngonyaka ka
1994.

“Iofisi kasomlomo wepalamente yiyo ethe
yamisela lekomiti ngenjongo yokukhangela indlela imithetho yeli echaphazele
ngayo intlalo yabantu kwimikhakha eyahlukileyo,” uthethe watsho uMotlanthe.
Uthi imithetho ekulindeleke ukuba ishukuxwe ngamandla yileyo ichaphazela
ukulingana kushishino,ubunikazi bomhlaba,ushishino norhulumente,amalungelo
abantu ngokubanzi,ubulungisa nolwaphulo mthetho.

Ingxelo ka Motlanthe ithi eligqiza lizakuphuma
nengxelo yexesha malunga noko bakuve ebantwini ngalemithetho.”Ngenyanga ka
Matshi kunyaka ozayo sizakukhupha ingxelo yethutyana ezakuthi yona ilandelwe
yingxelo epheleleyo ekupheleni konyaka ozayo,” uchaze oko uMotlanthe. Eli phondo
lelokuqala ekwenziwe kulo oluvavanyo lwezimvo zoluntu ngenxa yezizathu
ezithile. 

Uthe, “IMpuma Koloni lelinye lamaphondo anezinga lendlala
eliphezulu,ngaphezu koko iMpuma Koloni ikhupha abantu abaninzi abaya emigodini
nakwezinye indawo besiya kusebenza.” Le nkokheli yenza oku ikunye
namagqala afana no-Olive Shisana, uBrigget Mabandla,uTito Mboweni kunye
nogqirha Terence Nombembe. Eligqiza kulindeleke ukuba ligqithele kwamanye
amaphondo kamva.