‘Zibubuvuvu imfundiso zaseNtshona’

“Zibubuvuvu zonke izifundiso ezifundiswe abantu baseAfrika ngenxa yempucuko yaseNtshona”. Oku kuthethwe nguGqirha Julius Garvey ongunyana kaMarcus Garvey owayesilwela ukuzazi nokuzingca kwabantu baseAfrika ngethuba esenza intetho yesikhumbuzo ngobomi bukaRobert Sobukwe eGinsberg eQonce.

“Kundivuyise kakhulu ukufumana isimemo sokuba ndizokwenza intetho kulo msitho, oku kungenxa yokuba uRobert Sobukwe ngomnye wabantu endikholelwa ukuba ukhuliswe zimfundiso zikaMarcus Garvey.”

Esi sifundo siyinxalenye yesikhumbuzo seminyaka elikhulu yasekwayo iYunivesithi iFort Hare, ikwadityaniswa nemibhiyozo yomhla waseAfrika. “Uninzi lolwazi neemfundiso ezinikwa abantu baseAfrika zisekelezelwe kubuvuvu bemfundiso zaseNtshona,” utsho uGarvey.

Uhambisa athi imbali icacisa kakuhle ukuba abantu bokuqala emhlabeni ngabantu abamnyama. “Imbali eyayikho ibhaliwe ngaphambili yatshatyalaliswa kuba kwakufuneka kungene ezimfundiso zikhoyo ngoku ezinenza ukuba nizibone ningabantu abangaphantsi kwabantu bezinye izizwe, kufuneka iphele ezingqondweni zenu lonto,” utshilo.

Ukanti inqununu yeyunivesithi yaseFort Hare uMvuyo Tom uyakungqina ukuba kukho imfuneko yotshintsho kwindlela ekufundiswa ngayo. “Yekani ukuhlala nize kwezimfundiso nimamele nakugqiba nihambe niphinde nibuye kunyaka ozayo, yenzani into malunga nezinguqu nizifunayo ukuze kwenzeke utshintsho,” uthethe watsho uTom.

Ugqirha Garvey uthi kukho imfuneko yokuba imbali yelizwekazi laseAfrika ibhalwe ngokutsha ukuze ithethe izinto ezifunwa ngabantu baseAfrika.

“Inkokeli zethu zifunde kumazwe ase Yuropu zaza zafundiswa ukuba izisombululo zengxaki zethu zixhomekeke kwimbono zaseNtshona, masisombulule ingxaki zethu ngendlela zalapha eAfrika,” utshilo.

Le ndoda yase Afrika ihambisa ithi izifundiswa zale mihla mazibuyele ebantwini ukuze kuncedwe kuphuculwe imeko yentlalo yabantu kwindawo ezikumaphandle eli.

Lo kaGarvey uthi ilizwekazi lase Afrika lelona lizele imbali yokusungulwa kwehlabathi kwiminyaka emininzi kakhulu. “Sidalwe ngokomfanekiso kaThixo ngoko ke kufuneka ukuba sizidle siyeke nokuzidelela kunabanye abantu,” uvale ngelo uGarvey.

Lo gqirha uyinzalelwane yelizwe laseJamaica nalapho uyise wayehlala khona.

UMarcus Garvey wabhubha koka-1944 eminyaka ingamashumi amahlanu anesithathu. Wayekwa yinkokeli yombutho weUniversal Negro Improvement Association eyayikhuthaza ukuzingca kwabantsundu.