AmaMpondo angene ngetshamba kwiGladAfrica Championship!

Pretoria Callies 1 (4)

Bizana Pondo Chiefs 1 (5)

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iBizana Pondo Chiefs, ziintshatsheli ezivunyiweyo ze-ABC Motsepe League emva kokubetha iPretoria Callies ngo’5-4 kumapenela emdlalweni wokugqibela eVaal University Stadium ngale njikalanga. Emva kokubambana ngegowuli elinye macala emdlalweni, kuye kwanyanzeleka amaqela aye kumapenela. UMbongeni Mzimela, onamava okudlala kwiPSL, uvale iipenela neebhola ezinzima emdlalweni wanceda kakhulu iPondo Chiefs. Igoduka nesigidi serandi (R1-million) iPondo Chiefs – kanti yona iCallies ifumene isiqingatha sesigidi (R500 000). Omabini la amaqela sele ezibekele iindawo kwiGladAfrica Championship emva kokuphumelela ngoLwesine. AmaMpondo angene ngetshamba emva kokufumana indebe yeMotsepe League kazwelonke.

Isiqingatha sokuqala somdlalo phakathi kwePretoria Callies nePondo Chiefs besinika umdla – kodwa into esiphoxe ngayo kukunqaba kwamagowuli. Nangani kunjalo, iCallies lelona qela elenze umsebenzi ongcono ebaleni ebelinengca ende ibamba nebhola. Iqela likaSammy Troughton likwazile ukudala amathuba aliqela emdlalweni, ingxaki belifika uMbongeni Mzimela ethe qwa ezipalini. Nangona iPondo Chiefs ikhe yazama ukuhlasela amatyeli aliqela – kodwa akukho nto exhomisa amehlo eyenzileyo kunozinti weCallies obesekhefini.

Kwesesibini, umgangatho ubuphezulu. UMenziwa uphantse wayibeka endaweni entle iPondo Chiefs ngebhola egqithe emlonyeni weepali. Emva kokufunda indlela edlala ngayo iCallies kwesokuqala isiqingatha, iPondo Chiefs idlale umdlalo ongcono futhi oya phambili. Emva kwethuba inkqonkqoza iPondo Chiefs, ide yayivula igeyithi iCallies. Ngomzuzu wamashumi amathandathu anesithathu, u-Innocent Ngcobo, ufake igowuli lePondo Chiefs. Ibhola ingene emva kokuwiswa kukaMlungisi Mdwebu obelixhoba labadlali beCallies. Iphindisile iCallies ngegowuli elifakwe nguNatemba ngomzuzu wokugqibela.