Banqunyanyiselwe ubulungu beANC ooceba baseMnquma

Amalungu ekomiti yoluleko kwiANC uThokozile Sokhanyile noElias Makhanya UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
Umasipala waseMnquma uyalelwe ukuba wonyule uSodolophu omtsha namhlanje (Lwesihlanu) emva kokuba ikomiti yoluleko yeANC ephondweni inqumamise ubulungu beANC booceba abaphezulu kulo masipala.

Aba ceba nguNdyebo Skelenge obenguSodolophu, uZibuthe Mnqwazi obenguSomlomo, uZakhele Mkiva obenguMbhexeshi kwanoceba uLuxolo Mgandela.


Ukunqunyanyiswa kobulungu babaceba kuza emva kwendibano engekho semthethweni eyabanjwa libhunga laseMnquma apho konyulwa uSkelenge njengoSodolophu.


Kule ndibano, amalungu ekomiti embaxa yephondo (PEC) uXolile Nqata noMziwonke Ndabeni angqingwa engavunyelwa ukuba angene kumasango aseMnquma, ze emva koko atshixelwa ngaphaya kwamasango labe ibhunga lisonyula uSkelenge, likwenza oko ngokukhabanayo nemigqaliselo yeANC.


Ngenxa yoku, usihlalo wekomiti yoluleko yeANC (Provincial Disciplinary Committee [PDC]) uThokozile Sokhanyile, uthi la malungu abonakalise ukuzijongela phantsi iinkqubo zeANC.


Emva kwenkqubo ethabathe iintsuku ezingamashumi amabini anesibini, iPDC igqibe kwelokunqumamisa ubulungu bukaMnqwazi iminyaka emihlanu ukusukela ngoku, into ethetha ukuba akavumelekanga ukuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zeANC nezikamasipala. Oku kuthetha ukuba uMnqwazi akasenguye uSekela Nobhala weANC eAmathole, isikhundla ebenyulwe kuso nyakenye.


“Uqabane uMnqwazi ubonakalise ukungakhathali ngethuba lale nkqubo yoluleko. Kusuku lokuqala wahamba phakathi kwanyanzeleka siqhube engekho, silandela imigaqo yeANC. Yiyo le nto isigwebo sakhe sohlukile kwezinye,” utshilo uElias Makhanya, ilungu lePDC.


Yena uSkelenge ebenikwe de kwangoLwesithathu wale veki ukuba afake imbalelwano yokuba arhoxe njengoSodolophu waseMnquma. Ubulungu bukaSkelenge bunqunyanyiswe iminyaka emihlanu ze emine kulo minyaka yaxhonywa, kodwa ukuba akarhoxanga njengoSodolophu de kwanamhlanje (Lwesihlanu) ubulungu bakhe buza kunqunyanyiswa iminyaka emihlanu.


Ubulungu bukaMkiva noMgandela bunqunyanyiswe iminyaka emihlanu, ze kwaxhonywa emine ukuba nje bafunyaniswe bengamoshanga kunyaka wokuqala.


Inkqubo yoluleko kwabanye ooceba beANC eMnquma ise phambi kwePDC.

Umasipala waseMnquma uyalelwe ukuba wonyule uSodolophu omtsha namhlanje (Lwesihlanu) kuquka noSomlomo, kwanoMbhexeshi.