UNcobo wala enunuswa ngesikhundla yiSafa

Amabibi weSouth African Football Association elawula ibhola
ekhatywayo ayabhenceka ngokuhamba kwexesha. Lo mbutho othiwe mbende ziingxakini
uyimisile inkomfa yolonyulo kwimpelaveki ephelileyo emva kokuthintelwa ngu-Ace
Ncobo okhawuleze waxelela iFIFA ngolwaphulo lomgaqo-siseko yiSafa ngethuba
ilungiselela ulonyulo. Phambi kokumiswa kwenkomfa iFIFA ithumele umongameli
weCOSAFA, uPhillip Chiyangwa, ukuba makazokulungisa inkqubo yolonyulo ukuze
ihambelane nomgaqo-siseko. Ngokokutsho kwakhe umthunywa weFIFA, amaqhina asonjululwa
– kodwa uNcobo zange oneliseke.

 

Ngokokutsho kukaNcobo, iSafa yayophula imigaqo elawula
ulonyulo ngokuvalela abantu ababenomnqweno wokuzigqatsela isikhundla
sikamongameli. Ukungenziwa kwezinto kakuhle yiSafa kubalekise amaqumrhu
ebezakuncedisa kulonyulo afana neKPMG ne-Independent Electoral Commission
ekuqaleni kwenyanga yoKwindla. Ukumiswa kwenkomfa akakuthathanga njengoloyiso
u-Ace Ncobo – kodwa ubetha ngenqindi phantsi ngelithi kusezawuliwa ukuba iSafa
imane iyihlehlisa ikomfa endaweni yokuqalela inkqubo yolonyulo. “Andikaphumeleli
ngoba iSafa isathetha ngokuhlehlisa inkomfa. Bayophule imigaqo yolonyulo;
asinto encinane leyo. Kuhle ngoba iSafa ivumile ukuba iyophule imithetho.
Kutheni beqhubela phambili nento engekho semthethweni? UDanny Jordaan ufuna ibe
nguye yedwa umgqatswa; yiyo lo nto beyihlehlisile endaweni yokuqalela phantsi,”
utshilo uNcobo kwingxelo ephume kwiThe Star kutshanje.

 

UNcobo ebengomnye wabagqatswa kukhuphiswano lwesikhundla –
kodwa waye wathi akafuni sikhundla ngoba bakhona abantu ababhetele kunaye
abokukhokela iSafa. Njengokuba kuvakala ukuba uninzi lweengingqi zifuna
uJordaan, kwelakhe icala uNcobo akayikholelwa yonke lo nto. “Bakhangela umhla
kwezi nyanga zizayo – ayizonyanga ezintandathu ezo. Basakutyeshela ukuhamba
ngokomthetho xa kunjalo. Ndithe mandibancedisa ngeyona ndlela eyiyo – kodwa andizimiselanga
kuphumla ade aphume uJordaan kwisikhundla seSafa,” utshilo uNcobo.

 

UJordaan utye tyum nangona wasityikityayo isivumelwano
esivuma iimpazamo kwinkqubo yolonyulo nokuba ziza kulungiswa. UNcobo uthi
isivumelwano sabo satyehlelwa yiSafa. Ukuba akulandelwa imigaqo, sobe undibone
kulo yabo. Ukuba bendifuna ukuzigqatsela isikhundla sikasekela mongameli;
bendakuyenza lo nto – kodwa ndicinga ukuba bakhona abantu ababhetele kunam. Ndathenjiswa
ngesikhundla sokuba yingqonyela yeSafa njengokuba ixesha likaDennis Mumble
liphela. Ndasala eso sikhundla – kodwa ngeke ndikunqande ukonyulwa kukaMumble
ngoba kukho abantu abangandifuniyo mna kwiSafa,” utshilo uNcobo.