UNcobo uthi makayohlala ekhaya uDanny Jordaan!

Owayefudula engusompempe ophambili eMzantsi Afrika, uAndile “Ace” Ncobo, ubetha ngenqindi phantsi ngelithi unyulo lweenkokheli zeSafa alizuqhubela phambili.

Phambi kokuphela kwenyanga kulindeleke ukuba kubanjwe unyulo lweenkokeli ezintsha zeSafa. NguDanny Jordaan noAce Ncobo ekuphakanyiswe amagama wabo.

Ekuqaleni kwale veki, uNcobo uthe unyulo ngeke lubekhona watsho ebhentsisa elubala ubugangxa beSafa kwicala lokulandela imithetho le yayo. Kutshanje iqumrhu elilawula unyulo, iIndependent Electoral Commission (IEC), ebekufaneluba lichophela unyulo lweSafa, ligqibe kwelokuba liziqelelanise neSafa emva kokuxelelwa ngokwaphula kwayo imithetho yonyulo.

Isigqibo seIEC sishiye izikhulu zeSafa zinomsindo zatsho zithembisa ngokuyimangalela enkundleni yamatyala.

UNcobo uxelele iintatheli eGoli ukuba ngeke unyulo luqhubele phambili njengoko bekucwangcisiwe ngenxa yemithetho eyophuliweyo.

“Emva kokubhengezwa kwamagama wabantu abaza kukhuphisana ngesikhundla sokuphatha, ndithethe kaninzi neSafa. Lo nto yenziwe ngumkhwa wam wokuziqhelanisa nomgaqosiseko oqulethe imithetho elawula ulonyulo kuba ndifuna ndithi ndingena kugqatso ndibe ndisazi ukuba yonke imithetho ilandelwe. Umbuzo endinawo: ingaba iSafa icinga ukuba iIEC inamandla ngaphezu komgaqosiseko weSafa?” ubuzile uNcobo.

“Umthetho uthi makonyulwe ikomiti yolonyulo kwiinyanga ezintandathu phambi kolonyulo. Unyulo maluchotshelwe ngabantu abathembekileyo, abanolwazi ngolonyulo, umthetho nebhola ngokubanzi. Umthetho uphinde uthi akukho mntu osebenzela urhulumente omakazoyamanise nolonyulo lweSafa. Ngomhla wesibhozo kwachongwa i-IEC, hayi kwiinyanga ezintandathu. Lo nto yenziwe nangona umthetho usithi makuyekwe ukuchongwa. Abasebenzi beIEC bahlawulwa ngurhulumente,” utshilo uAce.

Kuyabonakala ukuba izizathu zikaNcobo zizo ezinyanzele ukurhoxa kweIEC kunyulo. Kwangaxeshanye, uAce umgxekile kakhulu uJordaan watsho esithi akakufanelanga ukukhokela iSafa.

“Ndiyayigxeka indlela ayinyhasha ngayo intando yesininzi uJordaan nangona wayeyinxalenye yomzabalazo. Ngubani oqiqayo ongathi uLucas Radebe ngunobenani? Andinawo umona. UJordaan makaye ekhaya, akakufanelanga ukukhokela iSafa,” utshilo uNcobo.