UKagiso Rabada angaphoswa yimidlalo yovavanyo elandelayo

Kagiso Rabada roars in delight after dismissing Australian captain Steve Smith on Friday. Photo: Mike Hutchings/Reuters

Omnye wabadlali beqela
lezwe loMzantsi Afrika leqakamba, uKagiso Rabada, odume ngokugibisela iqakamba
umangalelwe yi-ICC emva kokugila welizwe lase-Australia ngegxalaba. URabada ugile
uSteve Smith ngoLwesihlanu ngethuba uMzantsi Afrika uqubisene ne-Australia
kumdlalo wesibini wovavanyo obuseSt George’s Park.

Esi siganeko senzeka
kanye phambi kwexesha lokuphumla. Kulindeleke uKagiso Rabada aliphikise ityala
elibekiweyo namhlanje xa kuchotshelwa umba wakhe. Kulindeleke iqumrhu elilawula
iqakamba lizambe ukujonga ukuba uRabada wamgila ngabom kusini na uSmith ngala
mini. UMantsi Afrika ubambe amazinyo ngoba ukuba ityala liyamnamathela uKagiso –
lo nto iyakuthetha ukuthi uza kuphoswa yimidlalo elandelayo nelizwe
lase-Australia.

URabada uwis oothinti
abahlanu eyedwa kumangeno wokuqala we-Australia kumdlalo okwenzeke kuwo esi
sihlo. Lo mdlali weqakamba akaqali ukuba sezintweni ngenxa yezinto ezisondeleyo
kule ezithi zimfake engxakini. Abadlali abafana noNathan Lyon,
uDavid Warmer noQuinton de Kock bonke bagxizwa ngomdliwo wemali ngenxa yezenzo
ezibheke ecaleni.