IBees izimisele ukuzigxama kwiSundowns

chippa Njedu

Kule mpelaveki amaqela adlala kwiPSL namanye adlala kwinqanaba elisezantsi aza kudibana kwimidlalo yeKe Yona – olona khuphiswano olunomtsalane eMzantsi Afrika.

Xa kudibene iqela elikhulu nelidlala kwaNFD, abantu baye bacinge ukuba iqela elikhulu liza kuphumelela ngaphandle kobunzima, ngamanye amaxesha akubi njalo.

NgoLwesibini kwiveki ezayo ngo’19:30, Iinyosi zeMpuma Koloni (EC Bees) zindwendwela iMamelodi Sundowns kumdlalo ojongwe kakhulu eLoftus Stadium.

Umnqweno womqeqeshi weBees, uChippa Njedu, yayikukuthelekiswa neqela elincinane – endaweni yoko, iBees yathelekiswa neSundowns – oomanqanqa kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.

UNjedu uthi ayiboyikisi lo nto ngoba baya kwiSundowns ngemizimba engenaxhala.

ISundowns yavuthulula iPowerlines FC ngo’24-0 kumdlalo weNedbank Cup ngo2012, kodwa yona i-EC Bees ithi izimisele ukuzigxama kuyo. Iinyosi lidlulele phambili kwiNedbank emva kokubetha iMarivheni United ngo’3-1.

Nakubeni embalwa amathuba okubetha iDowns – kodwa iBees zizimisele ukulwa kwiSundowns. I’solezwe lesiXhosa lincokole noNjedu othe amalungiselelo weqela lakhe sele ehlabele mgama.

“Amalungiselelo womdlalo ahamba kakuhle. Kumnandi kum ngoba abadlali balambele impumelelo. Siyayazi ukuba yomelele iSundowns – kodwa sizimisele ukulwa kuyo. Siya emdlalweni singoyiki futhi nabadlali bethu bezimisele ukufunda ukudlala namaqela amakhulu. Eli ikwalithuba labo lokuzithengisa elizweni,” utshilo uNjedu.

Lo mdlalo unganzima kakhulu kwiBees ngoba iSundowns incwase ukuphumelela indebe yePSL neyeNedbank Cup.

Kufuneka abadlali beBees bazimisele xa bedlala nayo. Nangona kunjalo, iBees ayiqali ukudlala neqela elikhulu kwaye inawo amandla okumelana nalo naliphina iqela.

Kunyaka ophelileyo, iBees yasokolisa iOrlando Pirates kumdlalo weNedbank owawuseMonti. Umdlali wasemva kwiBees, uGeorge Gawe, wayityityimbisela umnwe iDowns watsho esithi ngeke izihambele nje kubo.

“Andiyoyiki iDowns kwaye sizimisele ukuya ePitoli ukuyokonwabela umdlalo,” utshilo uGawe.