IMultiChoice Diski Shield iza nempucuko ebholeni

Kwiminyaka embalwa eyadlulayo, iPremier Soccer League ibambisene neqabane layo elikhulu iMultiChoice zasungula iMultiChoice Diski Challenge.

Injongo ephambili yayikukuza neqonga elitsha elinokuthi lincede abadlali abatsha ukuze bafumane indawo enokubalungiselela ukudlala kwiPSL.

Iziphumo kule minyaka idlulileyo ziyancumisa kwaye ngabadlali abaninzi abanyuselwe ngamaqela ohlukeneyo kwiPSL futhi ngoku abadlalela namaqela esizwe.

Kodwa kuthe ngokuhamba kwexesha kwabonakala okokuba makwenziwe iinguqu ukuze kubandakanywe onke amaqela futhi kwandiswe nemidlalo.

Yiyo lo nto kusungulwe iMultiChoice Diski Shield ekuqaleni kwale veki. Iza kubandakanya onke amaqela futhi ibe nemidlalo emininzi kune MultiChoice Diski Challenge.

Ngethuba kusungulwa le Diski Shield engena endaweni yeMultiChoice Challenge, usihlalo wePSL, ugqirha Irvin Khoza, uthe abadlali abasakhulayo eMzantsi Afrika bachitha ixesha elifutshane ebaleni xa kuthelekiswa namanye amazwe.

“Njengokuba siqala iDiski Shield, sibonile ukuba abadlali bethu abatsha kunezinto abasilela kuzo xa sithelekisa namazwe aphuhlileyo. Ngokusungula le nkqubo sizama ukuncedisana nabo,” utshilo uKhoza.

Ingqonyela yeMultiChoice SA ithethe yenjenje: “Intsebenziswano yethu nePSL ikhule kakhulu kule minyaka elishumi edlulileyo. Sikwazile ukwenza indima ebonakalayo kuphuhliso lwebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Ikhule kakhulu iDiski Challenge kule minyaka mine idlulileyo kwaye sicinga ukuba iDiski Shield iza kuncedisa ekuphuhlisweni kwabadlali abakhulayo ibalungiselele nokudlala kumaqela akwiPSL.”

Iqela eliphumelele iDiski Shield lizakuthi lifumane imali eyiR150 000. UKhoza umeme bonke ababedlala ibhola ngaphambili ukuba basondele kwiDiski Shield ukuze bakwazi ukuncedisa kuphuhliso.

Amaqela ohlulwe ngokweendawo akuzo. Aselunxwemeni abekwe ndawonye kanti nakulawo asembindini welizwe kunjalo.

Central: Orlando Pirates, Kaizer Chiefs, Platinum Stars neBidvest Wits.

Coastal East: AmaZulu, Golden Arrows, Maritzburg United neChippa United. Coastal West: Cape Town City, Ajax Cape Town, Bloemfontein Celtic neFree State Stars Northern: Mamelodi Sundowns, SuperSport United, Polokwane City neBaroka FC.