Ziyagxalathelana iimbaleki kwiGrand Prix

UCaster Semenya yenye yeembaleki ezakuthi zithathe inxaxheba kwitumente yeembaleki ebizwa ngokuba yiGrand Prix eza kubanjelwa ePitoli namhlanje.

Amadoda aziwayo kwihlabathi agalelekile eMzantsi Afrika ekuqaleni kwale veki eze kule tumente.

USemenya oyintshatsheli yehlabathi ucele kwiziphathamandla ukuba zinike iimbaleki zelizwe loMzantsi Afrika ithuba lokuthatha iinxaxheba kwiitumente ezikumila kunje ezinokuthi zincede iqela lesizwe.

“Kubalulekile ukuba sizijonge iimbaleki zasekhaya. Ukuba uyaziqwalasela iinkcukacha, umgangatho wazo uyaphucuka. Yiyo lo nto kubalulekile ukuqinisekisa ukuba zinikwa ithuba lokubaleka kwiitumente ezinkulu,” utshilo uSemenya.

Le mbaleki ithi bekufaneluba imidlalo yeCommonwealth isetyenziswa njengeqonga lokwakha iimbaleki ezinokumela uMzantsi Afrika kwimidlalo ye-Olimpiki.

“Ndiyaphinda, kufuneka sigxile kuphuhliso ngoba inkqubo esetyenziswayo ngoku iyazinzimela iimbaleki xa ubani ejonga iqela eliye kwiCommonwealth,” utshilo uSemenya.