‘Siza kufunqula umxakatho ekusebenzeni’

Umasipala waseRaymond Mhlaba unikwe isipho sezigidi ngusomashishini uMcebisi Mlonzi, ongowesine ukusuka ekhohlo

Umasipala iRaymond Mhlaba, ozinze eBhofolo, ukholelwa ukuba uza kuwuphakamisa umxakatho wokusa iinkonzo eluntwini emva kokuba inkampani iKwane Capital inikeze lo masipala izithuthi zokwenza indlela ezixabisa izigidi ezikumashumi amathathu eerandi.

Ezi zithuthi ziquka igreyida (140k Grader), iitraki ezimbini (unotipha nethwala amanzi), Backhoe Loader, D6R Dozer, 320D Excavator kwaneMartin Grid Roller.

Ukunikezwa kwezi zixhobo, ezisetyenziswa ukwenza nokulungiswa kwendlela, kulandela ukuphela kwesivumelwano seminyaka emithathu sokubolekiswa kwezi zixhobo phakathi kweKwane Capital, ezinze eGoli, kwakunye neRaymond Mhlaba.

Ukubolekiswa kwezi zixhobo bekutyabula umasipala isigidi seerandi ngenyanga.

USodolophu waseRaymond Mhlaba uBandile Khethelo uthe: “Yinto entle le kumasipala kuba ezi zizixhobo ezikumgangatho ophezulu. Ukuba nezixhobo ezizezethu kuza kwenza ukuba sifunqule umgangatho wokusa iinkonzo eluntwini futhi songe nemali.”

Umseki kwanengqonyela yakwaKwane Capital uMcebisi Mlonzi uthi ukunikezwa kwezi zixhobo eRaymond Mhlaba kuluphawu lokuba le nkampani izimisele kuphuhliso lwezoqoqosho nezentlalo kumaphandle oMzantsi Afrika.