Isimemo koosomashishini abasebenza ngendalo

AbakwaFetola basungula inkqubo yabo entsha enguGROUNDSWELL; iphulo elitsha lokufezekisa impumelelo yamashishini asakhasayo asebenza ngamanzi, uzinzo nolondolozo lwezixhobo zokonga.

Le nkqubo ixhaswa ngabakwaJ.P. Morgan kwaye yenzelwe ukwakha oosomashishini. Sakuthatha oosomashishini abangama30 bayokuqeqeshwa into engangeenyanga ezili18.

Simema bonke abasebenza ngendalo, abazibiza ii “Enviropreneurs, waterpreneurs neeGreentrepreneurs” ukuba bafake izicelo zokuba yinxalenye.

Thumela imbalelwano ku groundswell@fetola.co.za okanye utsalele * 086 111 1690 (simahla).

Sakwamkela izicelo de kube ngomhla we-9 kuMatshi. – Liesl Jobson, eFetola

THUMELA EYAKHO ILETA, SIYIPAPASHE.

THUMELA NGE-SMS

okanye ngoWHATSAPP

ku 063 743 9538