‘Sigxothwa nezifo zethu nguDyantyi’

Bebambe uqhankqalazo phambi kwamagumbi omphathiswa wesebe lezempilo ephondweni uPhumza Dyantyi besisa izikhalazo zabo ooNompilo umfanekiso: Abongile Ginya

Oonompilo abaphuma kwiimbombo zone zeMpuma Koloni bagqithise umqulu wabo wezikhalazo kwiofisi yomphathiswa wesebe lezeMpilo eBhisho uPhumza Dyantyi.

Eyona ngxaki iphambili yabo, bathi bafuna ingqesho esisigxina kwisebe lezempilo. Aba basebenzi bachitha iminyaka engaphezu kwamashumi amabini besebenza njengamakhesele.

UThobeka Falteni yinkokheli kazwelonke kumbutho weNational Care Workers of South Africa, uthi badiniwe kukuxhatshazwa ngurhulumente.

“Ukususela ngonyaka ka1998 oonompilo eMzantsi Afrika bagcinwa kwizithuba zemisebenzi yethutyana, abade baqeshwe lisebe lezempilo, bade baguge bayekuhlala emizini yabo, abafumani mali yomhlalaphantsi, incinci imali abayamkelayo ngoku baphangelayo,” ucacise watsho uFalteni.

Aba basebenzi bamkela imali engamawaka amathathu eerandi ngenyanga (R3000-00). Abasebenzi abangoonompilo benza umsebenzi wokutyelela abantu abagulayo bechola-chola iinkcukacha zabo, bebakhuthaza ukuba batye amayeza, bebafundisa ngendlela zokusebenzisa amayeza abo.

UNomthandazo Mafu uthi isebe lempilo limxelele ukuba uza kuyeka ukuphangela ngenxa yobudala.

“Andinangxaki yokuyeka ukuphangela ndimdala, kodwa ingxaki yam kukuba ndihamba ndingaphethanga nto esandleni, ndiyagula ngenxa yalo msebenzi besiwenza, sigxothwa nezifo zethu nguDyantyi.

UBuyiswa Njoloza uneminyaka engaphezu kwamashumi amabini anesihlanu esebenza njengonompilo ePeelton.

“Siqale sisamkela imali ekumakhulu amahlanu eerandi (R500-00), sifuna ukuqeshwa ngokupheleleyo, umkhulu kakhulu umsebenzi esiwenzayo, siphatha abantu abanezifo ezosulelayo singakhuselekanga, ziphumela kuthi ezi zifo zaba bantu,” utshilo uNjoloza.

Aba basebenzi bathi abasakwazi kubala inani loonompilo ababhubhe ngenxa yokosulelwa ngabaguli ababancedayo.

“Xa sigula sihlala ezindlini singasebenzi, ubuya sele uxelelwa ukuba awusenakusebenza kufakwe omnye umntu endaweni yakho, sicela ukuqeshwa ngokupheleleyo njengabanye abantu boMzantsi Afrika,” utshilo uNjoloza.

Isifo sephepha nesifo ugawulayo zezona zifo zigqiba aba nompilo kuba bajikeleza kumaxhoba ezi zifo ezilalini nasezilokishini zeMpuma Koloni.

“Ngoku sithethayo sinenkonzo yesikhumbuzo ngomso, unompilo ubhubhile, ebhubha engenanto kuba oko ebesebenza njengekhesele kwisebe lezempilo,” utsho uNjoloza.

Izivumelwano zengqesho zaba basebenzi zivuselelwa rhoqo ngonyaka, amava abo wexesha eligqithileyo awancedi nto ukubalungiselela ikamva, itsho ingxelo.

“Sifuna ukuqeshwa, sifumane amalungelo la afunyanwa ngabongikazi, sixhotyiswe ngolwazi nezixhobo zokusebenza ezifanelekileyo,” uthethe watsho uFalteni.

Egameni lesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo uthethe wathi. “Ndicela undikhangele kwakho emva kwemizuzu emihlanu, enkosi,” utshilo uKupelo.