IiChilli Boys zifuna amanqaku kwiPirates!

UMusa Nyatana no-Andile Mbenyane besilwela ibhola ngethuba iChippa United ityelele i-Orlando Pirates kunyaka ophelileyo umfanekiso: Sydney Mahlangu /BackpagePix

Zonke izinto zime ngonina phambi komdlal’ omkhulu eBhayi kule mpelaveki.

IChippa United yamkela i-Orlando Pirates eyingozi kwezi ntsuku kumdlalo wePSL ozakushiya abantu beenyembezana eNelson Mandela Bay Stadium ngo’15:30 ngeCawe.

Kubadlali abafana noBrighton Mhlongo, uThabo Rakhale nkqu nomqeqeshi uTeboho Moloi – lo mdlalo uza kubakhumbuza iintsuku zabo bekwiPirates.

Kodwa okubalulekileyo ngoku kufuneka bancede iChippa ibethe iBucs kumdlalo ongempelaveki.

Eli qela lizinze eBhayi lifuna into enye jwi kwiPirates: amanqaku apheleleyo.

Amakhwenkwe kaTeboho aphantsi koxinizelelo njengokuba kusongwa isizini. Kufuneka aphumelele imidlalo ukuze iChippa ingene kwiTop 8 ekupheleni kwesizini.

Umanejala weChippa United, uLuthando Zibeko, uthi amalungiselelo omdlalo ahamba kakuhle ngaphandle kwefolosi eyonzakeleyo – uLinda Mntambo.

“Siya emdlalweni sinenjongo enye: ukuphumelela umdlalo. Siyabacela abalandeli ukuba baxhase abadlali nomqeqeshi ngoba lo nto iluncedo kakhulu,” utshilo uZibeko.

IPirates, ekwindawo yesibini kwiPSL, igxeleshe indebe kule sizini nangona iMamelodi Sundowns ithe qelele ngamanqaku amahlanu kwindawo yokuqala.

Umqeqeshi weSea-Robbers, uMilutin “Micho” Sredojevic, ukuguqule ukugqwidiza kwePirates kwiisizini ezidlulileyo ezishiye abalandeli bekhathazekile – kodwa akafuni kuthetha engekaphumi ehlathini.

Le ndedeba yaseSerbia ithi endaweni yokuthetha kakhulu ngezinto efuna ukuzenza kwiPirates, ikhetha ukuchitha ixesha noogxa bayo beqweba amaqhinga okulungisa iimpazamo ezenziwa ngabadlali emidlalweni.

“Endaweni yokuthetha kakhulu nangokuthatha indebe, ndikhetha ukuhlala noogxa bam sibonisane ngezinto ezifuna ukulungiswa. Ngeke ndidize elubala iimfihlo zethu – kodwa siya emdlalweni ngamnye sizimisele. Ndibathembile abadlali bam kwaye ukusebenza ngokukhuthala zezinye zezinto ezibangela sibe phakathi kwamaqela alwela indebe yePSL neNedbank Cup,” utshilo uMicho.

Ekuqaleni kwale veki, lo mqeqeshi weBucs ufumene iwonga lomqeqeshi othe waqaqamba kwinyanga ephelileyo.