Matamela sondez’uZizi!

Kule veki sisuka kuyo, umhla ngowe-15 kule nyanga yokudubula kwamazimba neenkozo kwizityalo, inyanga yoMdumba, uMzantsi Afrika ube nenyhweba yokonyulelwa umongameli omtsha oza kuxhuzula imikhala yolawulo kweli lizwe.

Ndithi ibe yinyhweba kuba bekusele kulithuba uMbo noMxesibe weli lizwe ukhaliswa bubunkokheli obutenxileyo balowo udedele uMatamela Cyril Ramaphosa, nobesaziwa ngelikaGedleyihlekisa.

Oku ke kuthetha ukuba uMatamela Ramaphosa lo, noyinzalelwane yaloo lokishi idume ngokuvelisa amajoni enkululeko iSoweto, ungumongameli weshumi elinesithathu welizwe loMzantsi Afrika.

Kwabo mongameli bonyulwe phantsi kwenkqubo yedemokhrasi, uMatamela ngumongameli wesihlanu, kuba phambi kwakhe sibone uMadiba; uZizi into kaMbeki; uKgalema noZuma.

Bobane aba bongamele phambi kwakhe bagxanyile ekongameleni, ingulowo wenza imitsi encomekayo, ikho ke nengakholisi ncam kuba abantu abasoze bangakhali naphi na, kodwa izikhalo ziye zaxhaphaka kwaye zanyukela kwelona nqanaba liphezulu kakhulu apha kumongameli osanda kuhla esihlalweni, umongameli uZuma.

Ngokohlalutyo lweyam ingqondo, mongameli ngamnye ube neenkqubo aziyilayo zokuphuculwa kwelizwe loMzantsi Afrika, kodwa ndithi ndakuqwalasela, ndifumanise ukuba igalelo likaZizi, umongameli wesibini kwaba bexesha lenkululeko, lelona libalaseleyo nelitshotsha phambili.

Ngenxa yesi sizathu, ndithi uya kuthi ukuze aphumelele emagqabini uMatamela Ramaphosa kulawulo lwakhe, angambekeli bucala okanye angambethi ngoyaba uZizi Mbeki kwizicwangciso namaphulo akhe.

Enye yezinto ezenze ukuba ulawulo lukamongameli Zuma lufe amanqe okanye luphanze, kukungasondezi kwakhe uZizi ukuze abe nokurhabula kuloo ngqayi yasemaZizini iphuphuma ugwebu lwamava okulawula ngokuchanekileyo.

Ingaba bethu ndinabo ubungqina obubangela ndikholelwe kwelokuba ulawulo lukabawo uMbeki lwalukhethekile, lwalugqwesile kwaye lwaluphume izandla? Impendulo itsolile kwaye ayigungqi, ithi ewe.

Ukuhlonipheka koMzantsi Afrika njengelizwe eliphuhlayo nelinenkqubela-phambili kwizwekazi le-Afrika nakwihlabathi ngokubanzi, kugqibele ukuqapheleka ngexesha likabawo uThabo Zizi Mvuyelwa Mbeki.

Ngexesha lalo bawo eli lizwe alizange libe yintlekisa yokuthotyelwa umgangatho ngokoqoqosho. Ngexesha lalo bawo kwabakho nokuphunguka kwamatyala esizwe sakowethu kumazwe nakumazwekazi asemzini.

Ngubani na onokuwalibala amaphulo kabawo uMbeki okuvuselela uqoqosho loMzantsi Afrika nolwezwekazi i-Afrika, ukuze lube kwinqanaba neqonga lokukhuphisana noqoqosho lwamazwe namazwekazi aseYurophu nakwiNtshona ngokubanzi?

Mamela ke ndikukhumbuze! Iphulo le-African Renaissance (ukuVuseleleka kwezwekazi le-Afrika), leza nobawo uThabo Mbeki.

Kweli phulo, ubawo uMbeki wayesaleka umsundulu kweso sikrwaluxa saseSenegal ubawo ongasekhoyo owayedume ngezopolitiko nezembali, uCheik Anta Diop, kwiphulo lakhe elalisithi, “kuvuseleleko lwe-Afrika, ama-Afrika mawazibandakanye kumaphulo okuwaqhawula amatyathanga endlala, urhwaphilizo nobundlobongela, koko kuvuselelwe intsebenziswano nobulungisa.”

Ngokulandela iimbono zalo kaDiop, uMbeki wangeze ngelithi, “zonke izizwe nabantu be-Afrika, mazimanyane ukuze zitshabalalise imingeni ejongene nezwekazi lethu, ukuze kuphunyezwe uhlaziyeko lobungangamsha bamasiko ethu, uqoqosho lwethu kwanobuntu bethu.”

Ingaba olu hlaziyeko novuseleleko lwe-Afrika lukwazile ukugqama nokuqhubekeka emva kokususwa kwakhe kulawulo uZizi?

IMbuba ye-Afrika (African Union) nePalamente ye-Afrika, zezinye zeembono ezabakho ngexesha lokulawula kukabawo uMbeki.

Owona mngqele yasekwa phantsi kwawo loo Mbumba ye-Afrika, yileyo ithi, “I-Afrika emanyeneyo neluqilima!”Ngokukhokelwa ngulo kaMbeki nabanye oogxa bakhe, iMbumba ye-Afrika yayijolise ekuphumezeni umanyano, intsebenziswano kwanokuzimela kwamazwe e-Afrika.

Kananjalo, le Mbumba yayigxininisa nokugquba koxolo, ukhuseleko nophuhliso lwe-Afrika, zinto ezo zisuke zabonakala zisilela emva kokusuka kukabawo uMbeki kwisihlalo solawulo eMzantsi Afrika.

Elam lithi, onke la maphulo okuvuselelwa komanyano e-Afrika, aya kuthi ukuze azinze, uMatamela Ramaphosa amsondeze abe secaleni kwakhe uZizi Mbeki!

Andisathethi ke ngamaphulo amabini okuphakama kwe-Afrika asungulwa nguZizi namahlakani akhe, nasele engabonakali ncam xa kunamhlanje, lawo ke yiNepad, eyasekwa ngo-2001 eLusaka, ngeenjongo zokuphuhliswa koqoqosho lwama-Afrika nolwe-Afrika, kunye nelo phulo likaVuk`uzenzele.

Kweli phulo okaMbeki wayecangcatha kuvimba kabawo ongasekhoyo uSteve Bantu Biko nowayekholelwa kwelokuba, “Ama-Afrika aya kuthi ukuze aphumelele akuchile konke okusuka kwamanye amazwe angasakhiyo, aqale eme angoyiki, athi, “Ndingumntu ontsundu, kwaye ndiyazingca”, agqibelise ngokuthanda ukuzenzela nokuzisebenza ukuze aphile, ohlukane nokuqeshwa nokuxhomekeka.”

Konke oku ubawo uMbeki wayekuzinzisa kwinkqubo yakhe kaVuk`uzenzele, nesele ingavakali ncam xa kunamhlanje.

Linye sizwe sakowethu, uMatamela makamsondeze kulawulo lwakhe uZizi, kuquka nabo wayesebenzisana nabo ekuphakamiseni ilizwe loMzantsi Afrika kwanezwekazi le-Afrika. Kakade thina sazi inkosi inamaphakathi ayicebisayo nanegalelo elihle kwizigqibo nezicwangciso zayo.

Xa kunokuba njalo, ithemba lokuphuhla kweli lizwe nezwekazi lethu, liya kutsho lihlaziyeke!