Sipho Metula: Sinxanelwe impumelelo

Umqeqeshi weWSU All Blacks, uSipho Metula, uthi balambele impumelelo. Eli qela, eliyinxalenye yamaqela asibhozo adlala kwitumente yeVarsity Shiled, lihlazwe kanobomi ziintshatsheli ezikhuselayo i-Univesity of the Western Cape ngo’42-5, kumdlalo wokuvula itumente obubanjelwe eKapa ngokuhlwa ngoMvulo.

Nangona libethiwe eli qela, umqeqeshi walo uMetula ukholelwa ukuba ukulambela ukuphumelela kuko okuzobathwala kubase empumelelweni ngoLwesine xa besamkela iRhodes University kwibala IBCM ngecala emva kweyesithandathu malanga.

“Sinxanelwe impumelelo, yaye sijonge lukhulu kule tumente. Ukubethwa kwethu akuzuyidodobalisa iminqweno yethu yokufuna ukuba lelinye lamaqela adlala umdlalo wamagqibela kankqoyi,” utshilo okaMetula.

Ephawula ngokubethwa kweqela lakhe, uMetula uthethe wenjenje: “Adlale kakuhle amakhwenkwe wam, kodwa udonga lwethu belungekho luqilima. Sibethwe yilo nto kula mdlalo. NgoLwesine ndiqinisekile ukuba sizakube siyilungisile lo nto.”

Le ndedeba ibabongozile abemmi bengingqi yomasipala ombaxa iBuffalo City ukuba baphume ngobuninzi babo ngoLwesine bazokuxhasa amakhwenkwe wakhe.

“Abalandeli bethu ndicela baphume ngobuninzi babo, njengoko bebenzile kunyaka ophelileyo. Inkxaso yabo ithetha lukhulu kuthi,” woleke ngalo mazwi okaMetula. Iziphumo zamaqela aseMpuma Koloni athatha inxaxheba kule tumente:

FNB Rhodes 7-18 FNB TUT

FNB UFH 18 – 22 FNB UKZN