UKomphela angabuncama ubomi ukuze iChiefs ifumane indebe!

Steve Komphela, coach of Kaizer Chiefs during the 2018 Nedbank Cup Kaizer Chiefs Press Conference at PSL Offices, Johannesburg South Africa on 08 February 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Eminye yemisebenzi enzima kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ngulowo
wokuqeqesha iKaizer Chiefs. Lo nto ibangelwa yimbali eyazenzela yona yokuthatha
iindebe ukusukela ekusekweni kwayo ngeminyaka yoo-70. Ukuthatha indebe yade
yalisiko layo iChiefs. Kuthi ke kwakube kufike umqeqeshi omtsha abalandeli
balindele ukuba azise iindebe. Ubomi buba nzima kakhulu kumntu ofana noSteve
Komphela ongengakwazi ukufumana indebe kwiminyaka emibini eqeqesha Amakhosi.
Yintlungu kuye le umqeqeshi ngoba ukungabikho kweendebe eNaturena akwenzekanga
ngaphandle kokuzama. Ngenxa yokufuna ukubonisa abalandeli ukuba uyayifuna
indebe, uKomphela uxelele iintatheli kutshanje ukuba angabuncama nobomi bakhe ukuze
iChiefs ifumane indebe kule sizini.

Amakhosi aphose iMTN 8, iTelkom Knockout – kanti amathuba okuphumelela
indebe engundoqo, iPSL, ambalwa. Le yeNedbank, yeyokugqibela anethuba
lokuyifumana uKomphela. “Ukuba uThixo angathi kum: Khetha into ibenye – ukufa okanye
sinike iChiefs indebe.”

“Uyazi ukuba ndingakhetha ntoni? ‘Ndingathi kuThixo, thatha ubomi bam –
unike abantu ulonwabo,” utshilo uKomphela ezama ukubonisa ukuba ngokwenene
uyafuna ukuyenza le nto ifunwa ngabalandeli beChiefs kuye.

Amakhosi azakunyuka umnqantsa namhlanje xa edibana neGolden Arrows kumdlalo
weNedbank Cup ojongwe ngamehlo abomvu ngo’15:30 eFNB Stadium. Umdlalo uzakuba
nzima ngoba Abafana Bes’thende banendlela yabo ekhethekileyo abayiphazamisa
ngayo iChiefs, ngakumbi kwimidlalo ebalulekileyo. Ngaphezulu koko, nayo
i-Arrows izakube ikhangela indlela yokuphumelela lo mdlalo ukuze iye phambili.
UKomphela uthi bazimisele beli qela ukwenza ngako konke ekusemandleni wabo ukuze
baqinisekisa ukuba umdlalo bayawuphumelela. “Sidlala neqela eliyingozi.
Andibajongeli phantsi – kodwa beza kulo mdlalo kungekho xinizelelo kubo. Lo nto
ayithi masidelele, kufuneka sisebenze nzima ebaleni,” utshilo uKomphela.