Ubhubhe emva kokugqabhuka umthungo

 Azivumi
kuphela iziganeko zokubhubha kwabantu beli ezandleni zamagosa karhulumente
okanye ngenxa yobuqhitala kuwo. UNosikholiwe Tilayi (27) wakuQumbu ubhubhe
ngomhla wamashumi amabini kule nyanga emva kokuba ebelekiswe ngoqhaqha
ekukrokrelwa ukuba aluhambanga kakuhle kwisibhedlele iMalizo Mpehle kuTsolo. 

Emva
kokufumana amawele ngoqhaqho le nkosikazi ityelele isebe lezekhaya esiya kubhalisa abantwana ukuze bafumane isiqinisekiso sokuzalwa. UMncedisi Tilayi olilungu losapho ukhathazekileyo ngokushiywa ngenxa yoku. ”Ndimthathe
ngemoto ndamsa kwisebe lezekhaya, ndifowunelwe 
kwimizuzu elishumi kusithwa akaphilanga, ndabuyele esibhedlele, ndifike
umthungo usopha uphuma nobofu, sambalekisela ekliniki wagqithiselwa
kwisibhedlele iNelson Mandela eMthatha,”ucacise watsho uTilayi. Ngenxa
yokonganyelwa kukuvuza komthungo ubhubhele kwisibhedlele iNelson Mandela
eMthatha. ”Okusothusayo ngoku kukuba ingxelo kagqirha engokubhubha kwakhe
ithetha enye into, abathethi ngogqabhuka komthungo,”uthethe watsho uTilayi.Ingxelo kagqirha ithi kubonwa imbambo ezophukileyo ezingunobangela wokubhubha kwale nkosikazi.

 UMncedisi
Tilayi uthi bafuna inyani kumagosa karhulumente ngoyena nobangela wokubhubha
kukaNosikholiwe. ”Ebengekagqibi nentsuku ezintlanu ephumile esibhedlele,
kukugqabhuka komthungo okubangele ukuba abalekiselwe esibhedlele, ubuvuza
uqhaqhekile mabathethe inyani,”uthethe watsho uTilayi. Umphathi wesibhedlele
uMalizo Mpehle uNolubabalo Karauhije akavumanga ukuthetha ngalo mcimbi esithi
ngundlunkulu wesebe lezempilo kuphela onokwenza ilizwi. Ukusetyenziswa
kwamagosa anje ngogqirha abangenawo amava okwenza imisebenzi enje ngoqhaqho
kuba ngunobangela wokulityalwa kwezixhobo okanye ukungasetyenzwa ngendlela
kwabaguli. ”Sikhangela amacebo asemthethweni ukuze sibone ukuba sizakwenza
ntoni ngenxa yesisiganeko,”utshilo uTilayi.

 Othethe
egameni lesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi okwa ngoku akukho nto
ingako abanokuyenza. ”Asikwazi kunika mpendulo okwa ngoku, kufuneka sifumane
inkcukacha ezithe vetshe ngesisiganeko,”utshilo uKupelo.Ukanti isithethi sesebe
lezekhaya eMzantsi Afrika uDavid Hlabane uthi badanile sesi siganeko. ”Sihlala
sikhuthaza ukuba abantu bangemi emigceni bengaphilanga,mabazixele kumagosa xa
befika ezikweni bengaphilanga ukuze bancedwe kuqala kunabanye abantu,”uthethe
watsho uHlabane. Ingxelo zokugqibela zelikhaya zithi elinye lamawele ubhubhile
ngoLwesibini lilandela unina,linye iwele elisaphilayo.UNosikholiwe Tilayi uzakungcwatywa nelinye lamawele ekhayeli lakhe kuQumbu kule mpelaveki.