IValentines Day iza nomculo oncamis’ umxhelo eMonti!

USUKU lwezithandani lufikile, umoya
wothando sele uvakala. Ukuba ucinga ngokwenzela iqabane lakho into entle ngosuku
lweValentines, cinga ngokulinda umhla we-16 kweyoMdumba.

Inyanga yoMdumba yaziwa njengenyanga
yokubhiyozela uthando kwabo bazizithandani. Kusuku lwe-14 kule nyanga
(eyoMdumba)
 lubekelwa bucala
njengeValentines Day.

Ngalo mhla, amaqabane enza oko
kwenziwa ngabathandanayo,  ukuthengelana
izipho, ukukhutshelwa kwiindawo zikanokutsho zokutya, iihotele, ukuya
kwiipikiniki, ukuya kubukela umfanekiso bhanya-bhanya eCinema njalo njalo.

Abanye abayi kubanathuba ngolu suku
ngenxa yokuxakeka, kodwa ungaxhalabi, ingakumbi wena mntu oseMonti ngokuba iNight
of Soul Music yeyakho.

Ngobu busuku izithandani namanxila
eengoma ezincamis’ umxhelo azakube esonwatyiswa ligqala kumculo wothando uRingo
Madlingozi, uSbo The Poet, Betusile Mcinga, Mali, no-NJ Kunene.

Umbhexeshi womsitho nguAmaza Ntshanga
woMhlobo Wenene FM.

Encokolela I’solezwe ngalo mcimbi,
umsunguli uMfez……….. uthi le yingcamango awayenayo kwango-2014, efuna ukuqala
nayo ngeValentine ka2015 kodwa akabinabo abaxhasi balo mbono.

“Okona kunikisa umdla kokokuba nangoko
ndandifuna ezimvumi zinye,” kubalisa uMfezi.

 “iNight of Soul Music bubusuku
bokubhiyozela umculo we-Soul nothando kuba olu hlobo lomculo lolothando.
Sikhethe inyanga kaFebruwari nanjengoko usazi yinyanga yezithandani.”

Amatikiti afumaneka eComputicket
nge-R200 ze ele-VIP ibeyi-R380.

 Ubusuku ngumhla we-16 kweyoMdumba
2018 eOrient Theatre ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.