Ukrwitshe isithandwa sakhe, wasilahla kwindlu yangasese

Amapolisa akuGatyana abambe avalela indoda ekumashumi amathathu anesithathu emva kokuyayamanisa netyala lokubulala isinqanda-mathe sayo, emva koko yasilahla kwindlu yangasese, kwilali yaseMndundu ngomhla wesibini kule nyanga. 

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi ixhoba nalo likwiminyaka ekumashumi amathathu anesithathu.

UManatha uthi ixhoba nesinqanda-mathe salo, babebonwe beshiya umzi wentselo kule lali ngomhla wesibini kule nyanga. Emva koko ixhoba, kutsho uManatha, zange liphinde libonwe mntu. 
UManatha uthi ngokokubona kwabo, ixhoba likrwitshiwe phambi kokuba lilahlwe kwindlu yangasese. 
UManatha uthi emva kokuba abecuphi bakuGatyana bencwine le ndoda, ide yayichaza inyaniso ze yabakhokelela kwindlu yangasese apho yalahla khona ixhoba. 
Umrhanelwa uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi wakuGatyana ngoMvulo. 

UManatha uthi igama lexhoba lizakukhonkxwa de kwaziswe izihlobo zalo ngokuthe gabalala.