AmaZulu atyikitye ifolosi yaseTogo!

Umdlali obefudula edlalela iKaizer Chiefs, uCamaldine Abraw, utyikitye isivumelwano sengqesho seenyanga ezintandathu kuMaZulu.

Le folosi igaleleka kweli qela lithiwe mbende yingxaki yokuphulukana nemidlalo nokungafaki amagowuli ngokwaneleyo.

Ekuqaleni kwesizini AmaZulu atyikitye abadlali abafana noSiyabonga Nomvethe, uMabhuti Khenyeza noRhulani Manzini – kodwa kuyabonakala ukuba bafuna ukuncediswa.

AmaZulu FC aphakathi kwamaqela asezantsi kwiPSL, ngoku asebenzela ukunyukela phezulu.

Emva kokubethwa kweli qela imidlalo ilandelelana, abalandeli bavakalise ukungoneliseki yindlela uCavin Johnson aliphethe ngalo eli qela laKwaZulu-Natal.

AmaZulu amkela iSuperSport kumdlalo wePSL, eKing Zwelithini Stadium, ngoMgqibelo ngo-20:00.