Gcinani izazisi eziluhlaza!

Isebe lezeKhaya kweli loMzantsi Afrika lithi zibubuvuvu iingxelo zokuba zizakuphelelwa iincwadi eziluhlaza zesazisi ekupheleni kwenyanga yoKwindla.

Oku kusemva kokuba kuthe ndi iingxelo zokuba ezi ncwadi zizakuphelelwa kungene isazisi sekhadi ukusukela kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka.

Eli sebe limemelele uluntu ukuba lungaqalisi kumamela ezi ngxelo nanjengoko zibubuvuvu obungenasihlahla.

Ongumlawuli jikelele kweli sebe uMkhuseli Apleni, uthi abantu boMzantsi Afrika mabasebenzise eli thuba liseleyo ukutshintsha izazisi zabo.

“Sikhuthaza kakhulu abo bakwazi ukusebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla ukuba baqalise ukufaka izicelo zabo ukuze bakwazi ukufumana izazisi zekhadi,” uthethe watsho uApleni.

Uthi bakuthethwano neebhanki ngenjongo zokuba bakhawulezise inkqubo yokuveliswa kwezazisi zekhadi.

“Sikhangela isivumelwano sokuba abantu bakwazi ukuya ezibhankini ukuya kuthatha iinkcukacha zeminwe, imifanekiso kwaneendawo eziza kuthathwa kuzo ezi ncwadi,” uthethe watsho uApleni.

Ngonyaka ka2013, isebe lezekhaya kweli laqalisa ukunikisa ngezazisi zekhadi ezathi zanikwa oosaziwayo ngelizama ukwazisa le nkqubo intsha yezazisi.

Eli khadi liza endaweni yencwadana yesazisi ebikade isetyenziswa luluntu loMzantsi Afrika ukusukela emva konyaka ka1994.

“Abo banengxaki yokufaka izicelo zabo zokufumana eli khadi bangatsalela kumnxeba wesebe wasimahla ongu 0800 601 190,” utshilo uApleni.

Ibhanki yakwaAbsa neyakwa FNB zizo ezifikelele kwisivumelano sokwenza la makhadi kwiphondo laseRawutini zincedisana nesebe lezekhaya kuzwelonke. Lo kaApleni uthi lincinci kakhulu ixesha elithathwa ngala makhadi phambi kokuba abuyele kubanikazi awo.

“Ngaphambili, isazisi esi siyincwadi besithatha iintsuku ezingaphaya kwamashumi amahlanu, ngoku eli khadi lona lithatha iintsuku ezilishumi kuphela,” utsho uApleni.

Isebe lithi liyeza ixesha lokuba ziphelelwe ngokusemthethweni izazisi ezikwincwadi eluhlaza kodwa alikafiki elo xesha.