Ingcwatywe ngamacebo inkwenkwe eyarhaxwa eGreenaker

Umfanekiso kaLiyema Daniso (12) owatshona kumlambo iGreenaker edada neetshomi zakhe.

Ibizinyembezi zodwa kumakhwenkwe asibhozo naphakathi kweshumi ukuya kwishumi elinesibini ubudala ngethuba bebona umzimba womhlobo wabo uLiyema Daniso (12) xa bekufika umzimba wakhe nemoto ethwala izidumbu, ngethuba eyokubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwilali yaseNxarhuni eMonti.

ULiyema wathi warhaxwa wabhubha ehlangula omnye wabahlobo bakhe ngethuba bedada kumlambo iGreenaker eMdantsane ngomhla wesihlanu kule nyanga sikuyo.

Abuye esibhozo la makhwenkwe emlanjeni nangona nje ayeye elishumi, ababini bebhubhile, uLiyema kwakunye nomnye umhlobo wabo oneminyaka elithoba owaye yokuhlangulwa.

Umhlobo kaLiyema oneminyaka elishumi owaya kukhwaza izihlobo zikaLiyema xa babeqaphela ukuba uLiyema nomnye bayarhaxwa, uthethe neli phephandaba:

“Ndabaleka ndayokubiza abantu bakulo Liyema xa ndibona ukuba uLiyema akasabonakali emanzini utshone ngaphantsi, omnye yena emane ephakamisa izandla phezulu kubonakala ukuba uyoyisakala ngamanzi, sabe nathi sisoyika ukuphinda singene,” utshilo.

UNomama Daniso ongumakhulu kaLiyema, echiphiza iinyembezi ngethuba ethetha neSolezwe, uthe kubo bonke abazukulwana bakhe ngoyena obethobekile uLiyema.

“ Ndixheleke ngaphakathi akumnandanga kuba akakhange agule kwaye besisavuyela ukuqala unyaka singakhange siyicinge eyokufa into, silungiselela isikolo.”

Umakhulu ubulele kusomashishini uMandlaphakamile Makinana ongcwabe fele-fele kweli khaya esithi oku kususe nentlungu kubo kuba emva kokuva umphanga khange bakwazi ukuba bakungcwaba ngantoni nanjengoko bengathathi ntweni.

USomashishini owaziwa ngokusoloko esolula isandla kumakhaya angathathi ntweni, weMakinana Funerals, neqale phantsi kweli khaya ingcwaba mahala, uthe ukunikela ligama lakhe ingakumbi kwabo bangathathi ntweni.

Uthe uziva echulumancile xa usapho lusithi eyona nto ebenza ngcono ngokubhubha komntwana kukuncedwa yiMakinana Funeral.

Amapolisa ephondo athi iziganeko zokutshona kwabantu ziyabaxhalabisa ngohlobo ezonyuka ngalo.