Tamba: Yandenza ndaphumelela intsokolo

Onele Tamba

Ubomi obungazange bube ntofo-ntofo kumfana osele enegama ngoku kwezoshishino * -Onele Tamba (24) waseCumakala, ngethuba eyokwenza unyaka wakhe wokuqala kwimfundo ephakamileyo iMotheo TVET College ePitoli ngo2012, oko kwamenza wavuka emaqandeni wangomnye woosaziwayo kwezoshishino nosele enegama sithetha nje iSome Staff Designs.

UTamba, uyeke phakathi emsebenzini sele ekwazile ukunyamezela intsokolo ngaphakthi esikolweni wayokuqala ishishini lakhe lokwenza izinto zokuhombisa zasesihlahleni, nowaziqala esengaphakathi esikolweni kuba ezibona engakwazi ukufikelela ekuthengeni kwiivenkile zikanokutsho njengoogxa bakhe.

UTamba wayesenza izifundo zezimali ngeli xesha asokola ngalo eMotheo TVET, ehlala ngaphakathi esikolweni, wabe ecaleni ezenzela imali ngobuqhele-qhele bokuhombisa izihlahla.

“Ndibe ngumfundi ongazange abenayo intlahla yokuba nento yonke. Ndibukela iitshomi zam endandihlala nazo esikolweni zithenga kwiivenkile zamadoda ezibizayo, mna ndingakwazi kuba ndingenamali . Oko zange kundiphelise mandla endaweni yoko kwandomeleza ekubeni ndingalali ndenze ii-odolo ezifakwa zitshomi zam,”utshilo uTamba.

Uthi umceli-mngeni awawufumanayo ngethuba eyeka umsebenzi kusekhayeni kuba esithi nawuphi na umzali akasoze avuye xa umntwana wakhe emfundise nzima, avuye xa esithi uyeka umsebenzi osisigxina emva kwentsokolo.

UTamba uthi kodwa ngoku umama wakhe sele engumxhasi wakhe omkhulu kuba uyabona iya phambili iSome Staff Designs.

Esele kukuhle ngakwishishini likaTamba, sele kusuka kusetyenziswa izinto zakhe azenzayo zesihlahla kuMr South Africa 2016.

Ukanti sele esuka kumazwe angaphandle afana ne-Europe eyokubonisa ngomsebenzi kumboniso owathatha iintsuku ezilishumi. Kwizinto azenzayo ufakele amaqhina asemqaleni kwakunye neekepusi.

UTamba ucebise abantu abatsha esithi akukhange kubekho mntu owamnika amawaka ngawaka ukuze aqale ishishini lakhe, uthi oku wakuqala ngeR50 kuphela, ngoko ukuba ungumntu omtsha unephupho lilandele, ungoyiki ngokoyikiswa.