Lifunyenwe ehlathini igqala le-APLA emva kokuduka iintsuku ezine

Igqala leAPLA uGxekwa ephahlwe ngamapolisa ephondo ambhaqe kwihlathi iXhobani eQhinaUmfanekiso Amapolisa

Usapho lakwaGxekwa kwilali yaseQhina kuCentane, luthi lulala obehlayo ubuthongo emva kokuba efumanekile utatomkhulu wabo uMorgan Nogaga Gxekwa (98) noligqala lePhiko loMkhosi wePAC iAPLA, obeduke iintsuku ezine kwiveki ephelileyo.

USiphiwo Gxekwa ongunyana weli gqala, uthi ibibaphethe kakubi into yokulahleka kukatata wabo kuba ithemba lokuba uzokubuya ephila bebengasenalo.

“Into yokuba uhlaselwe zizikrelemnqa besingekayicingi, eyona nto ibisixhalabisa bubudala bakhe. Ngumnqa nommangaliso ukubhaqeka kwakhe abuye engenawo nomkrwelo ephila, iintsuku ezingaka elahlekile. Siyabulela kakhulu koPhezulu kuquka nenkxaso kuluntu.”

Akwaziwa ukuba uGxekwa uye njani kwinzonzobila yehlathi laseXhobani eQhina apho afumaneke khona ephila.

Oku kulandela emva kokuba eli gqala le-APLA lathi labhengezwa ngamapolisa ala mmandla ngomhla wesine kule nyanga ukuba lilahlekile kwikhaya lalo.

Usekela-mongameli wombutho wePAC uMzwanele Nyhontso uthi baziva bechulumancile kukubhaqeka kwexhego kwaye libhaqeke liphila emva kweentsuku ezinde kanje.

Uthi bebexhalabe kakhulu kukulahlekelwa leli gqala ingakumbi ngeli xesha liyimfuneko ngalo embuthweni.

“Besixhalabile kuba amagqala anjengoTata uGxekwa sisawadinga kakhulu embuthweni. Asikakholelwa nangoku ukuba usinde njani kwezi ntsuku zine umntu ehlala ngaphandle kwamanzi, ukutya kwanokufudumala emdala kangaka.”

UNyhontso uthi uGxekwa uzabalaze kakhulu. Sele esuka eAngola ngenyawo esiya eZambia. UGxekwa ngomnye wamadoda okuqala ukuphuma eyokwakha umbutho iPAC ngeminyaka yoo-1960.

“Sibulela ngokungazenzisiyo kumapolisa ala mmandla kuquka nawephondo ngokuzinikela kwabo kumsebenzi wabo wokufumana ixhego lethu liphila kuquka nabahlali ngokukhangelisa,” kutsho uNyhontso.