‘Uyasixabanisa umphathi-sitishi’

Balahlekelwa lithemba abahlali baseNdevana kumapolisa ala ndawo ngenxa yento abayibiza ngokuba kukuqhogana komphathi-sitishi uKapteni Azisa Mandongana neentsapho ezithile zale ndawo.

UMzwabantu Rani lixhoba lakutshanje elizibona lihleli exhaleni, lingakhuselekanga ngenxa yokugrogriswa nguNombeko Nogqala ekutyholwa ukuba unobuhlobo obubodwa nomphathi-sitishi waseNdevana.

“Ndibone ngalo sisi wakwaNogqala esakha ityotyombe lakhe phambi kwendlu yam, ndaya emapoliseni, amapolisa andixelela ukuba lo mcimbi ufanele abahlali, ngoku uthi Nogqala uzakuqokelela abahlali abamxhasayo ukuba baze kutoyi-toya apha phambi kwendlu yam ukuze ndigxothwe,” uthethe watsho uRani.

UNomzi Mqutheni uzibone ebanjwa ngamapolisa aseNdevana kunyaka ophelileyo emva kokuxabana nosapho lakwaNogqala.

“Ndabanjwa nentombi yam ngesityholo sokuba sithuke abantu bakwaNogqala, emva kokuba sasibanqanda begxotha iloli ezazize kwakha izindlu zangasese, benza izinto ngohlobo oluthandwa ngabo bethembele ngala mapolisa,” uthethe watsho uMqutheni.

Uthi amapolisa awazange avume ukumamela icala lakhe lesi sityholo ebonakalisa inkxaso yawo kuNogqala.

“UMandongana waxelela intombi yam ukuba ayifundanga, wathi mayifune abantu abafundileyo ukuba ifuna ukulwa naye, watsho esanga ngobubele uNombeko Nogqala,” uthethe watsho uMqutheni.

UAsanda Zisile uthi naye uyazana neziganeko zokutshutshiswa ngulo mphathi-sitishi ngenxa yenkxaso yakhe kwiintsapho ezithile. “Kule nyanga iphelileyo bekufike usekela-mphathiswa uStella Ndabeni, uMandongana waqesha amavolontiya ngokwakhe ngaphandle kwabahlali, uceba kwelinye icala wayelungise abanye abantu ababeza kukhusela usekela-mphathiswa. Lo mphathi-sitishi ungena izinto zabahlali athathe icala, uyasixabanisa umphathi-sitishi,” ucacise watsho uZisile.

Ukanti uceba wala ndawo uMfundo Botha akavumanga ukuthetha ngalo mcimbi. “Ndingabonakala ndithatha icala ukuba ndingangena kule ngxokolo yabahlali, enkosi,” ucacise watsho uBotha. Isikhululo samapolisa saseNdevana sijongene neelali eziquka iTshabo 1, 2 no 3, Qongqotha, Ndevana, Dongwe kunye neFort Murray.

Ukanti uNombeko Nogqala uthi azikho ezi zityholo zokuqhogana nomphathi-sitishi waseNdevana.

“Bathi ndithenga umphathi-sitishi, ndiyithatha phi imali yokuthenga umntu ndingaphangeli, ayikho into endidibanisa nomphathi-sitishi waseNdevana,” utshilo uNogqala.

UMandongana akavumanga ukuthetha ngalo mcimbi, esithi yi-ofisi kandlunkulu yamapolisa eZwelitsha enokuthetha egameni lakhe.