Kuzakube kudlan’ iintsimbi eNewlands Stadium

UDale Steyn woMzantsi Afrika kwibala laseNewlands, eKapa ngoLwesibini kule veki Umfanekiso: Chris Ricco/BackpagePix

ULwesihlanu mnye ngulo, kuzawube kudlana iintsimbi eNewlands Stadium kumdlalo weqakamba ngoLwesihlanu!

Emva kokubhulel’amasaka iZimbabwe phambi kokuphela kuka-2017, uMzantsi Afrika uzakuxikixana ne-India kwimidlalo yovavanyo emithathu.

AmaNdiya aya kulo mdlalo wempelaveki enento enye qha ezingqondweni zawo: ukubetha uMzantsi Afrika ukuze utyelelo lwawo lube yimpumelelo.

Nangona iiProteas ziqhube kakuhle kwimidlalo edlulileyo – kodwa olona vavanyo luxa zidlala iqakamba nelizwe elikhulu njenge-India.

Kulindeleke okokuba uMorne Morkel adlale indima ebalulekileyo kakhulu kwimidlalo yotyelelo lwe-India emva kokudlala ngeyona ndlela incomekayo kwimidlalo uMzantsi Afrika obethe kuyo iZimbabwe kwiveki ephelileyo.

UMorkel uthi uDale Steyn ngoyena mdlali ozakuthi abaluleke kakhulu kwiiProteas nangona ebekhe waphumla ngenxa yokwenzakala.

Le ndedeba ibethelele ukunyamezela kwabo ebaleni njengeyona nto ezakuthi ibaluleke xa bequbisene ne-India.

“Ndicinga ukuba izinto zinganzima kusuku lokugqibela xa ibhola yeqakamba ithambile futhi neemeko yebala iguqukile. Ukuba siyakwazi ukunyamezela, singazuza iziphumo ezincumisayo,” utshilo uMorkel kwiintatheli.

AmaNdiya acinga ukuba analo ithuba lokuwubetha uMzantsi Afrika ukuba azilungiselele kakuhle. Ubulumko ebenzileyo i-India kukufika izilolongele eKapa ukuze iqhelane neemeko zayo eziguqukayo.

“Kunzima ukutsho ukuba silindele ibala elinjani ngala mini – kodwa sinolwazi lwesimo sezulu soMzantsi Afrika. Silungiselela lo nto ngoku. Umdlalo uzakuthatha iiyure ezintandathu usuku ngalunye, sifuna ukuzilungiselela ngokupheleleyo kwicala lokugibisela ibhola,” utshilo uBhuvneshwar Kumar.

Eyona nto ekubonakala ngathi ixhalabisa abadlali be-India ngumgangatho webala onokuthi ubenefuthi kwindlela ibhola ehamba ngayo emidlalweni.