Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu! ndiphupha ingathi kukho umsebenzi wamagqirha ekhaya, kubekho ntombazana eligqirha ize kum ithi ndikhonjiwe, ibe indibonisa omnye umama oligqirha okwalapha kumsebenzi ithi nanku umntu ozakunyanga, ibe isithi nguMamTshawe, ndicela undihlalutyele eli phupha.

IMPENDULO: Camagu, iphupha lakho licace gcaa. Yamkela isiphiwo eso wena, wenze ngokomyalelo kuba kwa igqirha elo ulibonisiwe.

IPHUPHA: Ndinephupha elindixhaphakeleyo, ndiphupha ndileqwa yinyoka kodwa ayide inditye.

IMPENDULO: Oku kusenokubangelwa lisiko elifunekayo kuwe okanye inyoka leyo ingaba sisihlwele sakho esifuna ukunikwa ingqwalasela. Ukhumbule ukuba asingawo onke amaphupha anenyoka angamaphupha amabi.

IPHUPHA: Ndiphupha ndihamba ndaweni etyalwe imifuno, ispinatshi kunye nekhaphetshu, iziqhamo ezifana ne-orenji.

IMPENDULO: Oku kusenokuthetha izinto eziliqela ingakumbi xa bendifumene ingcaciso egcweleyo. Iziqhamo zingathetha izinto ezintle ze imifuno ibengumsebenzi ofunekayo ekhayeni kodwa ke konke oku kuxhomekeke kwiimeko iphupha eli ezenzeka kulo. Chosi!

IPHUPHA: Ndiphupha ndisekhaya eMonti, ndiphupha utata ehlaba ubhuti ngemela ingathi itshomi yakhe imnqandele ingathi aphumele kuyo, ingathi ubhuti uphefumla kancinci ndavuka, khawundincede.

IMPENDULO: Camagu. Kwikhaya elo lenu ninemisebenzi emininzi eliqela engxangileyo eningade niyenze ingakumbi leyo inokuhlaba isilo phakathi. Ukunganaki kwenu ngoku kuzakuphuma nodlolwazana.

IPHUPHA: Camagu. Ndinotata womntwana asithethisani oko kwathi kwakho umntwana una-2 yeminyaka ngoku, kodwa asikathethisani, phofu nguye ke owase wandizonda. Ngoku ke emaphupheni ndiyathanda umphupha efuna uzibuyisa kum kodwa kukho lo mntu umjamelayo xa sisa kum. Kuqala kwavela i-landlord yam okwesbini kwavela umamakhe kunye noGogo wakhe. Ithetha ukuthini lento?

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba umfana lowo uyafuna ukuzisondeza kuwe kodwa kukho nto embambayo nekuyinto leyo yangabom. Chosi.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi! Ndine phupha elindihluphayo, ndiphuphe ndikule ndlu, ndizigqibele ndise rumini phezu kwe bhedi kukho iimpahla kugcwele, ndivele ndikhulula isikipa xa ndijonga phezu kwale bhedi nako kuhamba isigcawu esikhulu esimnyama ndikhawuleze ndatsibela emnyango. Siya ngqunga phezu kwebhedi ngathi sikhangela i-direction le ndikuyo ndothuka.

IMPENDULO: Camagu. Lumka kukhona nto ekuzulelayo nengezi kakuhle konke konke. Lungisa ukuhlala.

IPHUPHA: Molweni. Ndimtsha kwi-I’solezwe. Ndicela ubuza ukuba xa ubangalala ucinezelwa yinto ongayaziyo, le nto xa izakucinezela ubanobuthongo obuza kamnandi. Lo nto ndibangalala ngecala, ngesisu, ngomqolo iyandicinezela…….de ibe ngathi andinophinda ndiphefumle. Ingaba kuxa kusenzeka ntoni? Umfundi weSolezwe eDutywa. Enkosi!

IMPENDULO: Camagu. Ngumoya omdaka lowo, ndicebisa ukuba ufune uncedo kumnyangi wesintu.

IPHUPHA: Molweni, ngicela ukubuza ukuthi kutsho ukuthini ukuphupha amanzi anamagagasi bese ubona owakini eshonile.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba lowo umbona eshonile ungumntu onobizo kwaye nosapho lwenu nonke ningabantu abaphiweyo ngokomoya wokunyanga.

IPHUPHA: Camagu tata, so muhlezi uphupha usemqolombeni nabantu ungabaziyo kukhona inyama ezingakachachwa zegusha, sikhutswe amaphakathi nentloko namanqina inoma kusho ukuthini loko?

IMPENDULO: Ngumyalezo lowo ongqamene nezinto zakowenu ingakumbi amasiko ekhaya afuna ukwenziwa. Ukufumanisa ngeencukacha kuzakufuneka nityelele usiyazi. Chosi!

IPHUPHA: Camagu tata. Ndinamaphupha amaninzi amabi kwaye ayandihlupha kakhulu. Ndikhulelwe ngoku ndiphupha isisu sam si-light, umntwana ekhaba, ekukhabeni kwakhe ndiyayibona yonke into ayenzayo ngoku akhabe kakhulu kugqabhuke le ndawo akhabe kuyo, kuphume into emhlophe kodwa ndingevi buhlungu ngaba lithetha ntoni?

IMPENDULO: Camagu. Zama indlela yokudibana nomntu onyangayo ukuze akuncede ukuqinisa wena nomntwana lowo kuba kuyacaca ukuba abenzi bobubi bafuna ungambeleki loo mntwana. Khawukhe uqhumise nempepho ucele izihlwele zakho zikukhusele. Chosi!

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer phaya okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538