UCastro angakwazi na ukuyinceda iKaizer Chiefs?

Umdlali omtsha weKaizer Chiefs, uCastro, ekunye noKaizer Motaung

Amakhosi amkele ifolosi entsha – uLeonardo “Leo” Castro! Ezi ziindaba ezimnandi kubalandeli abanxanelwe iindebe – kodwa umbuzo uthi: Angakwazi na uCastro ukuyinceda iKaizer Chiefs esokolayo?

Ewe angayihlangula ukuba uyancediswa ngoogxa bakhe. UCastro ngumdlali omhle kakhulu ebholeni.

Uyakwazi ukukhaba, uyakwazi ukudlalela abanye abadlali xa benethuba lokufamana amagowuli futhi uyingozi entloko.

Kodwa konke oko kwakuxhomekeka ukuba usetyenziswa njani nguSteve Komphela onethemba lokubuya neChiefs etshintshileyo futhi enamandla kunyaka ozayo.

UCaster, 28, uncede iMamelodi Sundowns ngethuba egqugqise i-Afrika yonke kunyaka ophelileyo.

Le ndedeba yaseColombia yagqama ngokufaka amagowuli kwisizini yePSL ka-2015/16 kusekho iCBD eyabhidlikayo emva kokuhamba kukaKeagan Dolly.

Uza kwiChiefs nalo ndumasi, wonke umntu enze la nto bamazi ngayo kwiDowns. Ingxaki eza nayo kwiChiefs yile yokuba esiza kuyo izinga lomdlalo wakhe liphantsi.

Emva kokukhathazwa kukonzakala, umdlalo kaCastro uye wehla kwiSundowns. Ngoku ufumana ithuba lokuvuselela ibhola yakhe eNaturena – kweyona ndawo enoxinizelelo.

Emva kokubhengezwa kukaCastro kuTwitter yiChiefs kwiveki ephelileyo, umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, umkhulule lo mdlali watsho encoma negalelo alenze kwiqela lakhe.

“ULeo ebeyinxalenye yethu ngethuba siphumelela indebe yePSL ngamanqaku ayi-71. Uphinde wasinceda kakhulu kwiCaf Champions League. Singatsho ukuba usenesitayile saseMelika apha eMzantsi. Usebenze kakuhle kwaye usengumdlali ophezulu,” utshilo uPitso.

Ukuhamba kukaCastro kwiSundowns kuvakala ukuba kubangelwe zizinto ezithile eziphathelene nesivumelwano sengqesho esitsha.

UJingles akafunanga kwaphela ukubhentsisa izinto ezibangele ukuhamba kwalo mdlali kwiDowns.

Umphathi weChiefs, uBobby Motaung, uvakalise uchulumanco emva kokutyikitya uCastro. Le folosi izakuhlala iminyaka emibini enesiqingatha eNaturena.

“Siyaziwa ukuba besikhangela umdlali waphambili, siyavuya ngoku ngoba simfumene,” utshilo uMotaung.