‘Uthembeki uSekela Mphathiswa’

Uceba waseZiphunzane, uMkakutta Clara MOROLONG-YEKISO, umncome kakhulu usekela mphathiswa wezonxibelelwano uNkosazana Tandi Mahembehlala emtyibeka njengosopolitiki othembekileyo. Oku kuza emva kokuba uMahambehlala efezekise isithembiso sokuphinda azise ezinye izixhobo zamanqindi eDuncan Village Boxing Association abesenze kwiveki ephelileyo.

“Intle into eyenziwwe ngusekela mphathiswa Mahambehlala kwingingqi yethu. Siyambulela ngokuthembeka usekela mphathiswa ngoba oosopolitiki abafane bazifezekise izithembiso abazenzayo”.

Uceba uYekiso ukholelwa ukuba ezi zixhobo zizakuncedisa ukuphungula izinga lobundlobongela obugqubayo kwindawo yaseZiphunzane. “Ziyandinceda ukulwa ubundlobongela mna njengoCeba wengingqi ngoba abantwana bazakuthatha inxaxheba kwezemidlalo,” usthilo uYekiso.

Usekela mphathiswa Mahambehlala uthe bazakuqinisekisa ukuba izakuphela besandisile isakhiwo seDVBA  kwinyanga yoMqungu ka-2018.

“Sizakuqinisekisa  ukuba iphela yandisiwe lendawo eyoMqungu, ngoba sifuna u-Azinga Fuzile awulungislele kakuhle umlo wakhe wangomhla wesine kweyeKwindla ngunyaka ka-2018.”

USekela Mpathiswa Mahambehlala uthe benguyrhulumente luxanduva labo
ukunceda ulutsha.
Ukuphisa kwetu ngezi zixhobo siyakholwa ukuba kuzakuncedasa ekuhliseni
izinga lolwaphulo mthetho kule ngingqi. Singurhulumente sinoxanduva lokunceda
ulutsha,” utshilo usekela mphathiswa.