Ubuphezulu umgangatho kwimidlalo kaSteve Vukile Tshwete

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxx

Iintshatsheli zombhoxo kumaqela abadlali abasixhenxe kwimidlalo yeSteve Vukile Tshwete kunyaka ka-2017 yiSarah Baartman ne-O.R.Tambo emva kokuphumelela kwimidlalo yamagqibela kankqoyi yamanina neyamadoda kubadlali abaneminyaka engaphantsi kwishumi elinesithoba. Le midlalo, ebifudula ibizwa ngokuba yiSalga Games, iqale kunyaka ophelileyo kumasipala ombaxa iNelson Mandela Metro, ibibanjelwe kwiindawo ezohlukeneyo kumasipala weBuffalo City, ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga yeNkanga uyokuthi xhaxhe ngomhla wokuqala kweyoMnga.

Kule tumente bekukho izintlu zemidlalo eyohlukeneyo kuquka umbhoxo wabadlali abasixhenxe, amanqindi, ibhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi, intenetya edlalwa etafileni neVolleyball.

Umqeqeshi we-O.R.Tambo kwimidlalo yombhoxo wabadlali abasixhenxe ebethe iChris Hani ngo’17-0 kumdlalo wamagqibela kaqoyi, uVuyani Mdluli, uthi uchulumancile kakhulu yindlela abadlale ngayo abadlali bakhe nangona kusekuninzi ekufuneka bekulungisile beliqela.

“Ndivuye kakhulu yindlela abadlale ngayo, nangona zisekhona izinto ekufuneka sizilungisile ukubheka phambili,” utshilo uMdluli.

UBen Ruiters, ongumqeqeshi wentshatsheli kumadoda aseSarah Baartman, ebethe Amathole District ngo’19-14 kumdlalo ubunzima kakhulu, uthe ubuphezulu kakhulu umgangatho wale midlalo.

“Ubuphezulu kakhulu umgangatho wale midlalo yaye sifunde lukhulu kuyo,” utshilo uRuiters.

Omnye wabaququzeleli bale midlalo, uKhosi Mabuya-Msimka, uyibulele kakhulu intsebenziswano abayifumene kubo bonke abathathe inxaxheba emidlalweni.

“Sibulela intsebenziswano kubo bonke ababeyinxalenye yale midlalo yaye siyathembisa ukuba sizakuyongeza eminye imidlalo kunyaka ozayo,” utshilo uMabuya-Msimka.

Ezinye iziphumo zale midlalo: iNelson Mandela ibambe indawo yokuqala emanqindini emva kokuphumelela iimbasa ezilishumi elinesithoba, ekukho kuzo iimbasa zeGolide ezilishumi elinanye. Basuse iBuffalo City ebambe indawo yesibini emva kokuqokelela iimbasa ezilishumi elinesihlanu.